“*UNdikhoyo uThixo wenu uza kuningenisa kwelo lizwe niya kuma kulo. Uza kugxotha izizwe ezininzi kulo; ewe, yoba sisixhenxe sonke sezizwe ezikhulu nezinamandla kunani. Nazi ke: amaHeti, amaGirgashi, ama-Amori, amaKanana, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi. Ke akuba uNdikhoyo uThixo wenu ezinikele kuni ezi zizwe nazoyisa, kufuneka nizitshabalalise ziphele nya. Ningaze nenze mvumelwano kunye nazo, futhi ze ningabi nanceba tu kuzo. Ningaze nendiselane nazo, kuba ningáthi niyenzile loo nto zibawexule bamlahle uNdikhoyo abantwana benu, banqule thixo bambi. Ingáthi ikhe yenzeka loo nto uNdikhoyo acaphuke anitshabalalise ngoko nangoko. Ngoko ke ze nenjenje kuzo: wadilizeni amaqonga azo, iintsika zazo zamatye niziqhekeze zibe ziingceba, ke yona imifanekiso yesithixokazi sazo uAshera ze niyinqunqe, ukanti imifanekiso yazo eqingqiweyo noyitshisa ngomlilo. Le nto ke noyenza kuba kaloku nina niyimilowo kaNdikhoyo uThixo wenu. Kaloku kuzo zonke izizwe zehlabathi uNdikhoyo uThixo wenu uninyulele ukuze nibe ngabantu abalibango lakhe elilodwa.
Funda UHLAZIYO-MNQOPHISO 7
Share
Compare All Versions: UHLAZIYO-MNQOPHISO 7:1-6
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos