XESHIKWENI UYEHOVA, UTIXO wako, akungenisile kwelozwe apo uya kona ukulifuya; naxeshikweni agxotileyo intlanga ezininzi pambi kwako, ama‐Hete, nama‐Giregashe, naba‐Amori, naba‐Kanane, nama‐Perizi, nama‐Hivi, nama‐Yebusi, intlanga zisixe̔nxe ezizezikulu nezinamandla ngapezu kwako; naxeshikweni UYEHOVA, UTIXO wako, azinikileyo ebusweni bako, ukuba uzibete: uya kugqibela ukuzilahlela ekutshatyalalisweni; akuyi kulwenza nazo ucebano, akuyi kuzipata ngofefe. Kanjako akuyi kutshatiselana nazo; intombi zako akuyi kuzendisa konyana bazo, nentombi zazo akuyi kuzitabatela onyana bako: ngokuba ziya kupambukisa onyana bako kum, ukuba bakonze otixo bambi; ize ivute ingqumbo KAYEHOVA ngakuni, ikutshabalalise kamsinya. Kungokunje eniya kwenza kuzo: izibingelo zazo niya kuzicita, nezifanekiso ezimiyo zazo niya kuziqekeza, ne‐Ashera zazo niya kuzigaula, nemifanekiso eqingqiweyo yazo niya kuyitshisa ngomlilo. Ngokuba ningabantu abangcwele nina KUYEHOVA, UTIXO wenu: nina uniqashile UYEHOVA, UTIXO wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
Funda I‐Duteronomi 7
Share
Compare All Versions: I‐Duteronomi 7:1-6
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos