IZENZO 9:1-22
IZENZO 9:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngeentsongelo neembulalo abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu; wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem. Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini; wawa emhlabeni, weva izwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala, ukhaba iimviko nje. Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Yathi iNkosi kuye, Vuka, uye kungena emzini lowo; woyixelelwa into omelwe kukuyenza. Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu. Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko. Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela. Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi. Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubúzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza; waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone. Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenzé kwabangcwele bakho eYerusalem; nalapha, ikho nje, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho. Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli; kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukuziva ngenxa yegama lam. Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele. Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa; wathi akuba edlile, womelezeka. Ke kaloku uSawule waba nemihla ethile kubafundi abaseDamasko. Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo. Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu. Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu.•
IZENZO 9:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngalo lonke eli thuba uSawule yena wayefutha izisongelo zokwenzakalisa abalandeli beNkosi. Waya kumbingeleli omkhulu, wacela ukuba amnike iincwadi zeziqinisekiso, ukuze aye *ezindlwini zesikhungo zamaJuda eDamasko, abe nako ukuthi xa ebafumana abalandeli bale Ndlela yeNkosi, abakhonkxe, amadoda kunye nabafazi, eze nabo eJerusalem. Endleleni yakhe eya eDamasko, xa asondelayo apho edolophini, ngequbuliso wabona ukukhanya esibhakabhakeni, okwasuka kwambanekela ngeenxa zonke. Watsho wawa phantsi, waza weva ilizwi limbiza lisithi kuye: “Sawule, Sawule, unditshutshiselani na?” Yena wabuza wathi: “Wena ungubani, Nkosi?” Ilizwi elo laphendula lathi: “Mna ndinguYesu, lowo umtshutshisayo wena. Phakama, uhambe ungene apha edolophini; uya kuyixelelwa khona into omawuyenze.” Ngeli xesha amadoda awayehamba noSawule ayemile, ethe cwaka, eliva lona ilizwi elo lalithetha, kodwa engaboni mntu. USawule waphakama, wakhangela ngamehlo, kodwa akabi nako ukubona nento le. Ngoko ke abo babehamba naye bamrhola ngesandla, bangena naye eDamasko. Waba ntsuku-ntathu eyimfama, engatyi, engaseli. EDamasko apho kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguHananiya. INkosi yathetha naye embonweni, yambiza yathi: “Hananiya!” Yena wasabela wathi: “Ndilapha, Nkosi.” Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona, futhi embonweni wayo ibone indoda egama linguHananiya, ingena ibeka izandla phezu kwayo, ukuze iphinde ibe nokubona.” Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem. Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.” Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli. Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.” Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.” Ngoko nangoko kwaba ngathi amehlo kaSawule ongulwe, waza waphinda wanako ukubona. Wathi akuvuka wabhaptizwa. Emveni kokuba etyile, wabuya wangumqabaqaba. USawule wahlala iintsukwana nabalandeli bakaYesu eDamasko. Zisukanje waya *ezindlwini zesikhungo zamaJuda, wafika washumayela ngoYesu, esithi unguNyana kaThixo. Bonke ababemva, babemangaliswa, bebuza besithi: “Ngaba le ndoda asiyiyo na leya yayibatshutshisa eJerusalem bonke abathetha ngeli gama? Kanene, andithi nangoku ilapha nje, izele ukuze ibambe abantu, ibase kubabingeleli abaziintloko?” Kodwa intshumayelo kaSawule yaya ikhula emandleni, neengxoxo zakhe ezibonisa ukuba uYesu *unguKrestu, zabetha asikwa imilomo amaJuda aseDamasko.
IZENZO 9:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku uSawule, esabafuthela ngezigrogriso nokubabulala abafundi beNkosi, waya kumbingeleli omkhulu. Wacela kuye iincwadi zokuya eDamasko ezindlwini zesikhungu, ukuze athi, ethe wafumana abathile bale Ndlela, amadoda kwanabafazi, abazise bekhonkxiwe eYerusalem. Kuthe ke ekuhambeni kwakhe, wasondela eDamasko; waza ngesiquphe wabanekelwa ngeenxa zonke lukhanyiso oluvela ezulwini. Wawa emhlabeni, weva ilizwi lisithi kuye, Sawule, Sawule, unditshutshiselani na? Wathi ke yena, Ungubani na, Nkosi? Ithe ke iNkosi, Mna ndinguye uYesu omtshutshisayo wena; wenzakala ukuba ukhabe iimviko nje. Waza egubha, eqhiphuke umbilini, wathi, Nkosi, ufuna ukuba ndenze ntoni na? Ithe ke iNkosi kuye, Vuka, uye kuwo umzi; woyixelelwa into omelwe kukuyenza. Ke kaloku amadoda abehamba naye ema engenakuthetha, eliva okunene lona izwi, kodwa engaboni mntu. Wavuka uSawule emhlabeni; Uthe ke avuleka amehlo, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, bamngenisa eDamasko. Kwaba ntathu iintsuku engaboni, engadli, engaseli. Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya! Wathi ke yena, Ndilapha, Nkosi. Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda lowo kuthiwa nguSawule, waseTarso; kuba nanko ethandaza; Ubone embonweni indoda egama linguHananiya, ingena, imbeka isandla, ukuze abuye abone. Waphendula ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zininzi kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem; Nalapha, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho. Yathi ke kuye iNkosi, Hamba uhambe; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo kum, sokuphatha igama lam phambi kweentlanga, nookumkani, noonyana bakaSirayeli; kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukubandezeleka ngazo ngenxa yegama lam. Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; Wabeka izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakeleyo kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele. Kwangoko kwawa emehlweni akhe okungamaxolo, wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa. Ekudleni kwakhe, womelela. Ke kaloku uSawule waba neentsuku ezithile nabafundi baseDamasko. Waye kwaoko, ezindlwini zesikhungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo. Bathi nqa ke bonke ababemva, bathi; Lo asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama, weza nalapha ngenjongo, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu? Kwaba kukhona womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu.
IZENZO 9:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU u‐Saulusi esapefumla ukusongela nokubulala ngakubo abadisipile BENKOSI, waya kumperisite omkulu, wacela kuye incwadi zokuya e‐Damakusi, ziba̔lelwa intlanganiso zakona, ukuze ati, ukuba uyafumana abatile abebengabendlela leyo, kwa namadoda namankazana, abazise benxityiwe e‐Yerusaleme. Kekaloku ekuhambeni kwake, kwaye kute nxa ebesoudela e‐Damakusi, kwandula ukuti benge ngakuye ngokwalama inkanyiso ivela ezulwini. Waza ewile ngasemhlabeni weva ilizwi lisiti kuye: Saulusi, Saulusi! unditshutshisela nina? Wayesiti: Ungubanina, NKOSI? Yayisiti INKOSI: Mna ndingu‐Yesu, lowo umtshutshisayo: kunzima kuwe ukukaba ngasezihlabeni. Waza engcangcazela enokuti nqa wati: NKOSI! ufuna ukuba ndenze nto nina? Yaza INKOSI yati kuye: Suka, ungene esixekweni; wauya kutyelwa oko ufanele ukukwenza. Kekaloku amadoda abehamba naye ebemi engenakuteta, esiva okunene ilizwi, engaboni mntu kodwa. Waza wesuka u‐Saulusi emhlabeni; kwati kwakuvulwa amehlo ake, akabona mntu; aza emtundeza ngesandla amngenisa e‐Damakusi. Wayentsuku ntatu engenakubona; akadla ke, akasela kanjako. Kwabekuko umdisipile otile e‐Damakusi ogama lalingu‐Hananiya; yaza yati kuye INKOSI embonisweni: Hananiya! Wati yena: Nanku mna, NKOSI! Yati INKOSI kuye: Suka, uye esitarateni esibizwa ngokuti Sesite‐ntse, ubuzele endlwini ka‐Jude umntu ogama lingu‐Saulusi, um‐Tarese; ngokuba, bona ke, etandaza; oyibonileyo embonisweni indoda egama lingu‐Hananiya ukuba yangena yabeka isandla pezu kwake, ukuze abuye abone. Waza wati u‐Hananiya ukupendula: NKOSI! ndivile kwabaninzi ngayo indoda le, ukuba zingakanana izinto zobubi izenzileyo kubo abangcwele bako e‐Yerusaleme; nalapa inalo igunya livela kubaperisite abakulu, lokuba inxibe bonke ababiza egameni lako. Kodwa INKOSI yati kuye: Hamba; ngokuba lo eyimpahla enyuliweyo kum, yokupata igama lam pambi kwabaheyideni, nokumkani, nosapo luka‐Sirayeli; ngokuba ndiya kumbonisa ukuba zizinto ezingakanana afanele ukuziva ngenxa yegama lam. Wemka ke u‐Hananiya, waya wangena endlwini leyo; waza wabeka izandla pezu kwake, wati: Mzalwana Saulusi! INKOSI inditumile, kwa u‐Yesu owabonakala kuwe endleleni ubusiza ngayo, ukuze ubuye ubone, nokuba uzaliswe NGUMOYA OYINGCWELE. Kwandula kwa oko kwawa emehlweni ake zanga zinkwetu, waselekwamkela ukubona ke, wesuka wabapitizeshwa: waza akuba etabatile ukutya womelezwa. Kekaloku u‐Saulusi wayeko nabadisipile abebese‐Damakusi intsuku ezitile. Waza waseleshumayela u‐Kristu ezindlwini zentlanganiso, ukuba lo unguye unyana KATIXO. Koko bamangaliswayo bonke ababesiva, bati: Lo asi nguye na owaci̔ta abo babebiza kweligama e‐Yerusaleme, nobezele oku kwa lapa, ukuba abazise benxityiwe pambi kwabaperisite abakulu? Kodwa u‐Saulusi womelezeka ngakumbi, wawati piti ama‐Juda abehlala e‐Damakusi, eqinisa ngezizatu ukuba lo unguye u‐Kristu.