KEKALOKU u‐Saulusi esapefumla ukusongela nokubulala ngakubo abadisipile BENKOSI, waya kumperisite omkulu, wacela kuye incwadi zokuya e‐Damakusi, ziba̔lelwa intlanganiso zakona, ukuze ati, ukuba uyafumana abatile abebengabendlela leyo, kwa namadoda namankazana, abazise benxityiwe e‐Yerusaleme. Kekaloku ekuhambeni kwake, kwaye kute nxa ebesoudela e‐Damakusi, kwandula ukuti benge ngakuye ngokwalama inkanyiso ivela ezulwini. Waza ewile ngasemhlabeni weva ilizwi lisiti kuye: Saulusi, Saulusi! unditshutshisela nina? Wayesiti: Ungubanina, NKOSI? Yayisiti INKOSI: Mna ndingu‐Yesu, lowo umtshutshisayo: kunzima kuwe ukukaba ngasezihlabeni. Waza engcangcazela enokuti nqa wati: NKOSI! ufuna ukuba ndenze nto nina? Yaza INKOSI yati kuye: Suka, ungene esixekweni; wauya kutyelwa oko ufanele ukukwenza. Kekaloku amadoda abehamba naye ebemi engenakuteta, esiva okunene ilizwi, engaboni mntu kodwa. Waza wesuka u‐Saulusi emhlabeni; kwati kwakuvulwa amehlo ake, akabona mntu; aza emtundeza ngesandla amngenisa e‐Damakusi. Wayentsuku ntatu engenakubona; akadla ke, akasela kanjako.
Kwabekuko umdisipile otile e‐Damakusi ogama lalingu‐Hananiya; yaza yati kuye INKOSI embonisweni: Hananiya! Wati yena: Nanku mna, NKOSI! Yati INKOSI kuye: Suka, uye esitarateni esibizwa ngokuti Sesite‐ntse, ubuzele endlwini ka‐Jude umntu ogama lingu‐Saulusi, um‐Tarese; ngokuba, bona ke, etandaza; oyibonileyo embonisweni indoda egama lingu‐Hananiya ukuba yangena yabeka isandla pezu kwake, ukuze abuye abone. Waza wati u‐Hananiya ukupendula: NKOSI! ndivile kwabaninzi ngayo indoda le, ukuba zingakanana izinto zobubi izenzileyo kubo abangcwele bako e‐Yerusaleme; nalapa inalo igunya livela kubaperisite abakulu, lokuba inxibe bonke ababiza egameni lako. Kodwa INKOSI yati kuye: Hamba; ngokuba lo eyimpahla enyuliweyo kum, yokupata igama lam pambi kwabaheyideni, nokumkani, nosapo luka‐Sirayeli; ngokuba ndiya kumbonisa ukuba zizinto ezingakanana afanele ukuziva ngenxa yegama lam.
Wemka ke u‐Hananiya, waya wangena endlwini leyo; waza wabeka izandla pezu kwake, wati: Mzalwana Saulusi! INKOSI inditumile, kwa u‐Yesu owabonakala kuwe endleleni ubusiza ngayo, ukuze ubuye ubone, nokuba uzaliswe NGUMOYA OYINGCWELE. Kwandula kwa oko kwawa emehlweni ake zanga zinkwetu, waselekwamkela ukubona ke, wesuka wabapitizeshwa: waza akuba etabatile ukutya womelezwa.
Kekaloku u‐Saulusi wayeko nabadisipile abebese‐Damakusi intsuku ezitile. Waza waseleshumayela u‐Kristu ezindlwini zentlanganiso, ukuba lo unguye unyana KATIXO. Koko bamangaliswayo bonke ababesiva, bati: Lo asi nguye na owaci̔ta abo babebiza kweligama e‐Yerusaleme, nobezele oku kwa lapa, ukuba abazise benxityiwe pambi kwabaperisite abakulu? Kodwa u‐Saulusi womelezeka ngakumbi, wawati piti ama‐Juda abehlala e‐Damakusi, eqinisa ngezizatu ukuba lo unguye u‐Kristu.