IZENZO 7:9-16
IZENZO 7:9-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bathi oomawokhulu, bemmonele uYosefu, bathengisa ngaye, bamsingisa eYiputa; kodwa uThixo waba naye, wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe iphela. Ke kaloku kwafika indlala kuwo umhlaba waseYiputa uphela, nowakwaKanan, nembandezelo enkulu; baye oobawo bethu bengafumani kudla. Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. Wathi ngokwesibini, uYosefu wabuya waziwa ngabazalwana bakhe, saza isizalwane sikaYosefu saveliswa kuFaro. Wathumela ke uYosefu wambiza uyise uYakobi, nabo bonke abazalana naye, bayimiphefumlo engamashumi osixhenxe anesihlanu. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.

IZENZO 7:9-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Oobawo bammonela uJosefu, bamthengisa waba likhoboka eJiputa. Kodwa uThixo waba naye, wamweza kuzo zonke iinkxwaleko awaba kuzo. Akusiwa phambi kokumkani waseJiputa, uThixo wamenza wathandeka uJosefu, wampha nobulumko. Ukumkani wammisela uJosefu wayirhuluneli yelaseJiputa nekomkhulu lakhe. Kwabakho indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, ababi nakufumana nokutya oku ookhokho, ikati ilele eziko. Akuva uYakobi ukuba eJiputa kukho ukudla, wabathumela okokuqala oonyana bakhe; ngookhokho kuthi ke abo. Kutyelelo lwabo lwesibini uJosefu wazazisa kubantakwabo, waza wamxelela ukumkani ngamawabo lawo. UJosefu wamema uyise uYakobi ukuba aye kuhlala eJiputa nomzi wakhe wonke. Babengamashumi asixhenxe anesihlanu bebonke. Wehla ke uYakobi, waya eJiputa, apho yena nookhokho bethu bafela khona. Imizimba yabo yasiwa eShekem, apho yangcwatywa kwingcwaba elathengwa nguAbraham koonyana bakaHamori.
IZENZO 7:9-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bathi oomawokhulu, bemmonele, bathengisa ngoYosefu eYiputa; wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe yonke. Ke kaloku kwafika indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, baza oobawo-mkhulu abazange bafumane kudla. Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. Kwathi ngokwesibini uYosefu wabonakalaliswa kubazalwana bakhe; Saza ke isizalwana sikaYosefu saziswa kuFaro. Wathumela uYosefu, wambiza uyise uYakobi, nemizalwane yakhe yonke, imiphefumlo emashumi asixhenxe anantlanu. Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem.
IZENZO 7:9-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Baza oyise abakulu bezondele u‐Josefe bamtengisela e‐Jipete: kanti UTIXO ebenaye, wamhlangula kuzo zonke imbandezelo zake, wamnika ufefe nobulumko ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete, owammisa umpati pezu kwe‐Jipete, napezu kwayo yonke indlu yake. Kekaloku kweza indlala pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete nele‐Kanane, nobunzima obukulu; baye bengafumani kutya obawo betu. Kodwa akuva u‐Yakobi ukuba iko inqolowa e‐Jipete, watuma obawo betu okwokuqala. Nangokwesibini u‐Josefe wazazisa kubakuluwe bake, bati abalamane baka‐Josefe bazeka ku‐Faro. Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke. Waza u‐Yakobi wehlela e‐Jipete, wabuba yena, nobawo betu, basuselwa e‐Shekeme, babekwa encw̔abeni abelitengile u‐Abrahame ngenani lemali elusatsheni luka‐Hamore uyise ka‐Shekeme.