Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Izenzo zabapostile 7:9-16

Izenzo zabapostile 7:9-16 XHO1902A

Baza oyise abakulu bezondele u‐Josefe bamtengisela e‐Jipete: kanti UTIXO ebenaye, wamhlangula kuzo zonke imbandezelo zake, wamnika ufefe nobulumko ebusweni buka‐Faro ukumkani we‐Jipete, owammisa umpati pezu kwe‐Jipete, napezu kwayo yonke indlu yake. Kekaloku kweza indlala pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete nele‐Kanane, nobunzima obukulu; baye bengafumani kutya obawo betu. Kodwa akuva u‐Yakobi ukuba iko inqolowa e‐Jipete, watuma obawo betu okwokuqala. Nangokwesibini u‐Josefe wazazisa kubakuluwe bake, bati abalamane baka‐Josefe bazeka ku‐Faro. Waza watuma u‐Josefe wambiza uyise u‐Yakobi eze kuye, nazo zonke izalamane zake, ingamashumi asixe̔nxe anamihlanu imipefumlo yonke. Waza u‐Yakobi wehlela e‐Jipete, wabuba yena, nobawo betu, basuselwa e‐Shekeme, babekwa encw̔abeni abelitengile u‐Abrahame ngenani lemali elusatsheni luka‐Hamore uyise ka‐Shekeme.