iZenzo iZenzo 7

iZenzo 7
1Wathi ke umbingeleli omkhulu, Zinjalo na ke ezi ndawo? 2Uthe ke yena: “Madoda, bazalwana, nani bobawo, phulaphulani. uThixo wozuko wabonakala kubawo wethu uAbraham, eseMesopotami, engekami kwelakwaHaran. 3Wathi kuye, Phuma ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho, uye ezweni endiya kukubonisa lona. 4Wesuka ke ezweni lamaKaledi, wahlala eHaran. Wathi, akuba efile uyise, wamfudusela kweli lizwe nihleli kulo nina ngoku. 5Akamnika lifa khona, kwanendawo engangonyawo, kodwa wathembisa ukuba uya kumnika ibe yeyakhe, nembewu yakhe emva kwakhe, engekabi namntwana. 6Wenjenje uThixo ukuthetha, wathi, Imbewu yakhe iya kuba ngabaphambukeli ezweni lasemzini; ukuba baye ebukhobokeni, babaphathe kakubi, iminyaka emakhulu mane. 7Nohlanga olo, ethe yangamakhoboka kulo, ndiya kulugweba mna, watsho uThixo; yaye, emveni kwezi zinto, iya kuphuma indikhonze kule ndawo. 8Waza wamnika umnqophiso wolwaluko, wathi ngokunjalo uAbraham wamzala uIsake, wamalusa ngomhla wesibhozo; uIsake ke wazala uYakobi; uYakobi wazala oomawokhulu abalishumi elinababini. 9Bathi oomawokhulu, bemmonele, bathengisa ngoYosefu eYiputa; 10wamncothula kuzo zonke iimbandezelo zakhe, wambabala ngobulumko phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; wammisa ukuba abe yirhuluneli phezu kweYiputa nendlu yakhe yonke. 11Ke kaloku kwafika indlala enkulu kulo lonke elaseJiputa nelaseKanana, baza oobawo-mkhulu abazange bafumane kudla. 12Akuva ke uYakobi ukuba kukho ingqolowa eYiputa, wesusa oobawo bethu okokuqala. 13Kwathi ngokwesibini uYosefu wabonakalaliswa kubazalwana bakhe; Saza ke isizalwana sikaYosefu saziswa kuFaro. 14Wathumela uYosefu, wambiza uyise uYakobi, nemizalwane yakhe yonke, imiphefumlo emashumi asixhenxe anantlanu. 15Wehla ke uYakobi, waya eYiputa, wabhubha yena noobawo bethu; 16baza bathwalwa basiwa kwaShekem, babekwa engcwabeni awalithengayo uAbraham ngexabiso lemali koonyana bakaHamore, usoShekem. 17Kuthe ke, lakuba lisondele ixesha ledinga, awalifungayo uThixo kuAbraham, bakhula abantu, banda eYiputa, 18kwada kwavela kumkani wumbi, ubengamazi uYosefu. 19Lowo wabalumkisa abakowethu, wabaphatha kakubi oobawo bethu, ngokokuze bazilahle iintsana zabo, ukuze zingabudli ubomi. 20Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. 21Wagxothwa ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. 22Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangezenzo. 23Kwathi, kwakuba yiminyaka emashumi mane, kwafika entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. 24Waza wabona omnye ephathwa kakubi, wamkhusela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo, wambulala umYiputa. 25Wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. 26Kwathi ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? 27Kodwa yena lowo wayemonile ummelwane wakhe wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? 28Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa izolo? 29Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, waba ngumphambukeli ezweni lakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana ababini. 30Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. 31Akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo; akusondela ukuba awukhangele, kwafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi, 32Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wagubha uMoses, akaba nabuganga, akukhangela. 33Ithe ke iNkosi kuye, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. 34Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo, ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. 35Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? yena uThixo wamthuma ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. 36Yena lowo wabakhupha, emveni kokuba wenze izimanga nemiqondiso ezweni laseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka emashumi mane. 37Lo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, iNkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. 38Nguye lo owayesebandleni entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, enoobawo bethu; 39Abavumanga ukumphulaphula oobawo, besuka bamgxotha, babuyela eYiputa ezintliziyweni zabo; 40besithi kuAron, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na. 41Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bewanyusa amadini, baba nemihlali yimisebenzi yezandla zabo. 42Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Nibe nisondeza kum na kum amadini amadini, ndlu kaSirayeli, iminyaka emashumi mane entlango? 43Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli. 44Umnquba wesingqino wawukoobawo bethu entlango, njengoko wayemisele ngako owayethetha noMoses, ukuba awenze ngokomfanekiso abewubonile; 45Lowo bawungenisayo, bawungenisayo noYesu ekuthinjweni kweentlanga, ezo wazigxothayo uThixo ebusweni boobawo bethu, kwada kwayimihla kaDavide; 46owababalwayo nguThixo, wacela ukuba amfumanele uThixo kaYakobi umnquba. 47Kodwa uSolomon wamakhela indlu. 48Kodwa Osenyangweni yena akahlali zitempileni zenziwe ngazandla; njengoko watshoyo umprofeti. 49Izulu liyitrone yam, Ke ihlabathi sisihlalo seenyawo zam; Yindlu enjani na eniya kundakhela yona? itsho iNkosi; Yiyiphi na yona indawo yokuphumla kwam? 50Asisandla sam na sazenza zonke ezo zinto? 51Nina bantamo zilukhuni, bangalukileyo ngentliziyo, nangendlebe, nihleli nibambene noMoya oyiNgcwele; kwanjengoko ooyihlo, nani ninjalo. 52Kubo abaprofeti nguwuphi na ongatshutshiswanga ngooyihlo? bababulala abo babekuxela ngenxa engaphambili ukuza koliLungisa; enithe ke ngoku ningabangcatshi nababulali bakhe; 53nina nawamkelayo umthetho, niwumiselwa zizithunywa zezulu, anawugcina. 54Ke kaloku, bathi, bakukuziva ezi zinto, bahlabeka ezintliziyweni zabo, bamtshixizela amazinyo. 55Ke yena, ezele nguMoya oyiNgcwele, waqwalasela ezulwini, wabona ubuqaqawuli bukaThixo, noYesu emi ngasekunene kukaThixo. 56Wathi, Yabonani, ndiwabona amazulu evulekile, ndimbona uNyana woMntu emi ngasekunene kukaThixo. 57Badanduluka ke ngezwi elikhulu, bazivingca iindlebe zabo, besuka bemka phezu kwakhe ngamxhelo mnye, 58bamkhuphela ngaphandle komzi, bamgibisela ngamatye. Amangqina azibeka iingubo zawo ezinyaweni zendodana egama linguSawule. 59Ayemgibisela ngamatye uStefano, yena ebiza esithi, Nkosi Yesu, wamkele umoya wam. 60Waguqa ngamadolo, wadanduluka ngezwi elikhulu, esithi, Nkosi, musa ukubabeka tyala ngesi sono. Akutsho walala ubuthongo.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 7: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena