IZENZO 7:20-43
IZENZO 7:20-43 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Elahliwe ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangemisebenzi. Kuthe ke, kwakuzaliseka kuye ixesha leminyaka engamashumi amané, kwathi qatha entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza, akubona othile esoniwa, wamhlanganisela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo ngokumthi qwaka umYiputa: wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kananjalo ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Uthe ke yena owayemonile uwabo wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Ungaba wena ufuna ukundisika na, ngohlobo omsike ngalo umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, wangumphambukeli emhlabeni wakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana bababini. Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mané, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. Ke kaloku, akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo. Kuthe ke, akusondela ukuba awuqiqe, kwafika izwi leNkosi kuye lisithi, Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wesuka ke wagubha uMoses, akaba nabuganga bakuwuqiqa. Ithe ke kuye iNkosi, Zithukulule iimbadada ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo; ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. Lo Moses bamkhanyeláyo, besithi, Ùmiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? uThixo wathuma yena, ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. Yena lowo wabakhupha, akubon' ukuba wenzé izimanga nemiqondiso emhlabeni waseYiputa, naseLwandle oluBomvu,• nasentlango, iminyaka engamashumi omané. Lowo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, INkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. Nguye lowo owayephakathi kwalo ibandla entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, noobawo bethu; owamkelayo izihlabo zobomi, ukuze azinikele kuthi; abangathandanga kumlulamela oobawo bethu, besuka bamgiba, babuyela eYiputa ngeentliziyo zabo, besithi kuAron, Senzele oothixo abaya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo emhlabeni waseYiputa, asiyazi into emhleleyo. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bawasa esithixweni eso, baba nemihlali yimisebenzi yezabo izandla. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Ningaba nisondezé kum imibingelelo neminikelo yini na Iminyaka emashumi mané entlango, ndlu kaSirayeli? Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli. (UAm. 5:25-27)
IZENZO 7:20-43 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wazalwa ngeli xesha ke uMosis engumntwana omhle kakhulu. Wakhuliselwa ekhayeni lakhe iinyanga ezintathu; waza wathi naye akulahlwa, wacholwa yintombi yokumkani waseJiputa, yazikhulisela yena. Wabufunda bonke ubulumko bamaJiputa, waza waba yingcaphephe ekuthetheni nasekwenzeni. “Akuba neminyaka engamashumi amane uMosis, watyelela amawabo amaSirayeli. Wabona uwabo edlakathiswa ngumJiputa, waza wamnceda, waphindezela ngokumbulala umJiputa lowo. Wayecinga ukuba amawabo oqonda ukuba uThixo ufuna ukusebenzisa yena ekuwakhululeni, kodwa akazange aqonde. Ngenye imini wagagana namaSirayeli amabini esilwa, waza wazama ukuwohlula, esithi kuwo: ‘Khangelani, madoda, niyazalana; kungani ukuba nilwe ke?’ Kodwa lo wayevuyelela omnye, watyhalela uMosis bucala, wabuza wathi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu? Nam ufuna ukundibulala njengalaa mJiputa umbuleleyo izolo? ’ Akuyiva le ntetho uMosis, wabaleka, waya kuhlala kumhlaba waseMidiyan. Apho wazala oonyana ababini. “Emva kwamashumi amane eminyaka, kwabonakala isithunywa seNkosi kuMosis sisemalangatyeni etyholo elivuthayo entlango ngakwintaba yeSinayi. Lo mbono wammangalisa uMosis, wasondela etyholweni apho ukuba aliqwalasele. Suka weva ilizwi leNkosi lisithi: ‘Mna ndinguThixo wookhokho bakho, uThixo ka-Abraham, kaIsake, noYakobi.’ UMosis wankwantya kukoyika, akabi saba nako ukulikhangela. INkosi yathi kuye: ‘Khulula iimbadada ezo, kuba indawo le umi kuyo ingcwele. Ndiyibonile ingcinezelo nentlupheko yabantu bam eJiputa; ndisivile isikhalo sabo; ke ngoku ndize kubahlangula. Yiza ke, ndikuthume eJiputa.’ “Lo ngulaa Mosis ambukulayo amaSirayeli esithi: ‘Ngubani okwenze induna nomgwebi phezu kwethu?’ Kanti ke lo Mosis unguyena mntu uThixo amthume ukuba abe ngumlawuli nomsindisi, esebenzisa isithunywa sezulu eso uMosis wasibona etyholweni elivuthayo. Wabakhokela ke abantu ukuphuma eJiputa, wenza imiqondiso nemimangaliso, eJiputa nakuLwandle oluBomvu, kananjalo nasentlango, iminyaka emashumi mane. Nguloo Mosis wathi kumaSirayeli: ‘UThixo uya kunithumela *umshumayeli ophuma kwalapha kumawenu njengam.’ Nguye lowa wayekunye nebandla likaSirayeli entlango. Wayekhona apho nookhokho bethu, ekwakunye nesithunywa sezulu esasithetha naye entabeni yeSinayi. Wamkela kuThixo imiyalelo ephilileyo ukuba ayidlulisele kuthi. “Kananjalo ookhokho bethu bala ukumthobela, bambukula, besithi kubhetele baphindele kwaseJiputa. Kungoko bathi kuAron: ‘Senzele *oothixo bokusikhokela, kuba asiyazi into emngeneyo laa Mosis wasikhupha eJiputa.’ Kungeli thuba ke apho baziqingqela umfanekiso wethole, baza balenzela umbingelelo, benza netheko lokuzivuyisa ngenxa yaloo nto yayenziwe zizandla zabo. Ngenxa yaloo nto uThixo wabafulathela, wabayeka ukuba banqule iinkwenkwezi zezulu, njengoko kubhaliweyo encwadini *yabashumayeli kwathiwa: “ ‘MaSirayeli, yayingendim enanimxhelela, nimenzela amadini, iminyaka emashumi mane entlango. *Yayisisibingelo *sesithixo *uMoleki enanisiphethe, nomfanekiso wenkwenkwezi yesithixo *uRefani. Zizithixo enazenzayo, khon' ukuze nizinqule. Ngoku ke ndiya kunigxothela ngaphaya kweBhabheli.’
IZENZO 7:20-43 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ekuthe ke kwelo xesha, kwazalwa uMoses; waye emhle kuThixo, wondliwa iinyanga zantathu endlwini kayise. Wagxothwa ke, yamchola intombi kaFaro, yazondlela ukuba abe ngunyana wayo. Waqeqeshwa ke uMoses kubo bonke ubulumko bamaYiputa; waye ke eyinkunkqele ngamazwi nangezenzo. Kwathi, kwakuba yiminyaka emashumi mane, kwafika entliziyweni yakhe ukukha aye kuvelela abazalwana bakhe, oonyana bakaSirayeli. Waza wabona omnye ephathwa kakubi, wamkhusela, wamphindezelela lowo ucinezelweyo, wambulala umYiputa. Wayeba ke yena boqonda abazalwana bakhe ukuba uThixo ebeya kubasindisa ngesandla sakhe; abaqondanga ke bona. Kwathi ngengomso wabonakala kubo besilwa, wabanyanzela ukuba baxolisane, esithi, Madoda, niyazalana nina; yini na ukuba nonane? Kodwa yena lowo wayemonile ummelwane wakhe wamgiba, esithi, Umiswe ngubani na ukuba ube ngumphathi nomahluli phakathi kwethu? Uza kundibulala na nam, njengokuba umbulele umYiputa izolo? Wasaba ke uMoses ngelo lizwi, waba ngumphambukeli ezweni lakwaMidiyan, apho wazalela khona oonyana ababini. Kuthe ke kwakuzaliseka iminyaka emashumi mane, kwabonakala kuye kwintlango yentaba yeSinayi isithunywa seNkosi, elangatyeni lomlilo etyholweni. Akukubona oko uMoses, wamangaliswa ngumbono lowo; akusondela ukuba awukhangele, kwafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi, Mna ndinguThixo wabo ooyihlo, uThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi. Wagubha uMoses, akaba nabuganga, akukhangela. Ithe ke iNkosi kuye, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba indawo leyo umi kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikubonile ndakubona ukuphathwa kakubi kwabantu bam abaseYiputa, ndakuva nokuncwina kwabo, ndihlile, ukuze ndibahlangule. Yiza ngoku, ndikuthume eYiputa. Lo Moses bamkhanyelayo, besithi, Umiswe ngubani na, ukuba ube ngumphathi nomahluli? yena uThixo wamthuma ukuba abe ngumphathi nomhlanguli ngesandla sesithunywa esabonakalayo kuye etyholweni. Yena lowo wabakhupha, emveni kokuba wenze izimanga nemiqondiso ezweni laseYiputa, naseLwandle oluBomvu, nasentlango, iminyaka emashumi mane. Lo nguloo Moses wathi koonyana bakaSirayeli, iNkosi, uThixo wenu, iya kunivelisela umprofeti kubazalwana benu, onjengam nje; nize nimve yena. Nguye lo owayesebandleni entlango, ndawonye nesithunywa sezulu, ebesithetha naye entabeni yeSinayi, enoobawo bethu; Abavumanga ukumphulaphula oobawo, besuka bamgxotha, babuyela eYiputa ezintliziyweni zabo; besithi kuAron, Senzele uthixo oya kuhamba phambi kwethu; kuba lo Moses wasikhuphayo ezweni laseYiputa, asazi ukuba uhlelwe yintoni na. Benza ithole ngaloo mihla, benyusa amadini, bewanyusa amadini, baba nemihlali yimisebenzi yezandla zabo. Wajika ke uThixo, wabanikela ukuba bakhonze umkhosi wezulu; njengoko kubhaliweyo encwadini yabaprofeti kwathiwa, Nibe nisondeza kum na kum amadini amadini, ndlu kaSirayeli, iminyaka emashumi mane entlango? Nathwala umnquba kaMoleki, Nenkwenkwezi yothixo wenu uRemfan, Imifanekiso ke leyo enayenzayo ukuba niqubude kuyo; Ndaye ke ndiya kunifudusela ngaphaya kweBhabheli.
IZENZO 7:20-43 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu. Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo. Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako. Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli. Waza akubona omnye obesoniwa, wamsiza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete. Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba UTIXO wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda. Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane? Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu? ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete? Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini. Kwaza kwati kwakuzaliseka iminyaka imashumi mane, kwabonakala kuye entlango yasentabeni ye‐Sinai ingelosi YENKOSI elangatyeni lomlilo etyolweni. Wati u‐Mosesi akubona, wasitela nqa isibonakalo eso; naxeshekweni ebesondela ukuza kubonela, kweza ilizwi LENKOSI kuye, lisiti: Mna ndi NGUTIXO woyihlo bako, UTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wangcangcazela, wabengenakukalipa kwokubonela. Yaza yati INKOSI kuye: Tula izihlangu zenyawo zako; ngokuba indawo umiyo kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikolisile ukubona ukupatwa kakubi kwabantu bam abase‐Jipete, nokugula kwabo ndikuvile; ndihle ke ukuba ndibahlangule: yiza ke kaloku, ndokutuma e‐Jipete. Yena lo u‐Mosesi abamkanyelayo, besiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi? yena lo UTIXO wamtuma abe yinkosi nomkululi ngesandla sengelosi eyabibonakala kuye etyolweni. Nguye lo owabaku̔payo, eyenzile imimangaliso nemiqondiso elizweni le‐Jipete, naselwandle olubomvu, nasentlango iminyaka imashumi mane. Nguye lo oyena Mosesi owati elusatsheni luka‐Sirayeli: UYEHOVA, UTIXO wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva. Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, nakunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti: ababengavumi obawo betu ukumpulapula, koko bamtya̔layo, bati intliziyo zabo babuyela e‐Jipete, esiti ku‐Arone: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lo, owasiku̔payo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhlelwe yinto nina. Baza badala itole kwezontsuku, banikela idini kwisitixo eso, bagcoba kuyo imisebenzi yezandla zabo. Wajika ke UTIXO, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli? kanti nayifunqula intentana ka‐Moleke, nenkwenkwezi yotixo wenu u‐Remfane, imifanekiso enayenzayo ukuba niyibedeshe: ndandiya kunifudusela ele kwe‐Babilone.