Kwelona xesha wazalwa u‐Mosesi, waye emhle kakulu; owondliwa endlwini kayise inyanga zantatu. Kekaloku akuba ebelahliwe yena, yamcola intombi ka‐Faro, yamondla abe ngunyana kuyo. Waza u‐Mosesi wafundiswa kubo bonke ubulumko bama‐Jipete; wayenamandla ekuteteni nasekwenzeni kanjako. Xeshekweni ke bekumzalisekelwa ixesha leminyaka imashumi mane, kwangena entliziyweni yake ukutyelela kubo abazalwana bake usapo luka‐Sirayeli. Waza akubona omnye obesoniwa, wamsiza, wampindezelela obebandezelwa, wambeta um‐Jipete. Wayesiba abazalwana bake baya kuqonda ukuba UTIXO wobanika usindiso ngesandla sake: kodwa bona abaqonda. Kanjalo ngomhla olandelayo wazibonakalisa kubo besilwa, wazama ukubalamla, esiti: Madoda! ningabazalwana nina: kuyinina ukuba nonane? Kodwa lowo ubesona ummelwane wake wamtya̔la, esiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi pezu kwetu? ufuna ukubulala mna, njengokuba wambulalayo izolo um‐Jipete? Waza wesaba u‐Mosesi ngesiteto esi, waba ngowasemzini elizweni le‐Midiyane, apo wazalela kona onyana bababini.
Kwaza kwati kwakuzaliseka iminyaka imashumi mane, kwabonakala kuye entlango yasentabeni ye‐Sinai ingelosi YENKOSI elangatyeni lomlilo etyolweni. Wati u‐Mosesi akubona, wasitela nqa isibonakalo eso; naxeshekweni ebesondela ukuza kubonela, kweza ilizwi LENKOSI kuye, lisiti: Mna ndi NGUTIXO woyihlo bako, UTIXO ka‐Abrahame, NOTIXO ka‐Yisake, NOTIXO ka‐Yakobi. Waza u‐Mosesi wangcangcazela, wabengenakukalipa kwokubonela. Yaza yati INKOSI kuye: Tula izihlangu zenyawo zako; ngokuba indawo umiyo kuyo ingumhlaba ongcwele. Ndikolisile ukubona ukupatwa kakubi kwabantu bam abase‐Jipete, nokugula kwabo ndikuvile; ndihle ke ukuba ndibahlangule: yiza ke kaloku, ndokutuma e‐Jipete.
Yena lo u‐Mosesi abamkanyelayo, besiti: Ngubanina owamisa wena inkosi nomgwebi? yena lo UTIXO wamtuma abe yinkosi nomkululi ngesandla sengelosi eyabibonakala kuye etyolweni. Nguye lo owabaku̔payo, eyenzile imimangaliso nemiqondiso elizweni le‐Jipete, naselwandle olubomvu, nasentlango iminyaka imashumi mane. Nguye lo oyena Mosesi owati elusatsheni luka‐Sirayeli: UYEHOVA, UTIXO wenu, wonivusela umprofite, kubazalwana benu, njengam: yena niya kumva. Nguye lo owabeko entlanganisweni entlango kunye nengelosi ebiteta kuye entabeni ye‐Sinai, nakunye nobawo betu: owamkela amazwi abubomi ukuba awanike kuti: ababengavumi obawo betu ukumpulapula, koko bamtya̔layo, bati intliziyo zabo babuyela e‐Jipete, esiti ku‐Arone: Senzele otixo, abaya kuhamba pambi kwetu; ngokuba u‐Mosesi lo, owasiku̔payo ezweni le‐Jipete, singamazi ukuba uhlelwe yinto nina. Baza badala itole kwezontsuku, banikela idini kwisitixo eso, bagcoba kuyo imisebenzi yezandla zabo. Wajika ke UTIXO, wabayekelela ukuba bawukonze umkosi wezulu; njengokuba kuba̔liwe encwadini yabaprofite, ukuti: Imibingo neminikelo niyinikele na kum, iminyaka yamashumi mane, entlango, ndlu ka‐Sirayeli? kanti nayifunqula intentana ka‐Moleke, nenkwenkwezi yotixo wenu u‐Remfane, imifanekiso enayenzayo ukuba niyibedeshe: ndandiya kunifudusela ele kwe‐Babilone.