Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 21:15-40

IZENZO 21:15-40 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ke kaloku emva kwezo ntsuku, sabopha impahla, senyuka saya eYerusalem. Kwahamba ke nathi abathile nakubafundi abavela eKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana. Ngengomso ke, uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho namadoda amakhulu onke. Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke ngazinye izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe. Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho. Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko. Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ùfikile. Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amané, anesibambiso azibophe ngaso; wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho. Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni. Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye. Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla, enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele. Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni. Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango. Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile; owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos. Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba angaba ungubani na, nokuthi wenze ntoni na. Abanye ke phakathi kwesihlwele babhomboloza enye into, abanye enye. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi. Xeshikweni wafikayo ke kumatye okunyuka, usuke wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yamandla esihlwele; kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni. Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheliwaka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe into kuwe? Wathi ke yena, Uyasazi na isiGrike? Akunguye na kanene laa mYiputa, wathi phambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhukulisela entlango laa madoda angamawaka amané azizigebenga? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumntu ongumYuda waseTarso, umntu okowabo lingumzi ongadume ngako welaseKiliki; ndiyakucela ke, ndivumele ndikhe ndithethe kubo abantu. Ke kaloku, akubon' ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Kwakuthiwa cwaka kakhulu, wadanduluka ngentetho yesiHebhere, esithi

IZENZO 21:15-40 IBHAYIBHILE (XHO96)

Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem. Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili. Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu. Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona. Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga. Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis. Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda. Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni? Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo. Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis. Kodwa zona iintlanga ezingamakholwa sasizibhalele ileta ngokwesigqibo sethu, sibayala ukuba bangakutyi ukutya kwedini, nanyama inegazi, nasilwanyana sikrwitshiweyo, futhi bazikhwebule ekurheletyeni.” Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo. Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos, akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.” Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo. Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango. Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem. Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu. Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?” Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni. Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu. Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!” Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?” Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike? Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?” Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.” Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi

IZENZO 21:15-40 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ke kaloku, emva kwezo ntsuku, sabopha iinqwelo, senyuka saya eYerusalem. Kwahamba nathi abathile nakubafundi baseKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana. Ngengomso ke uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho ke onke amadoda amakhulu. Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe. Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; baye bonke bewuzondelele umthetho; Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko. Kuyintoni na ke ngoko? Kumelwe kuhlanganisana inkitha; kuba baya kuva ukuba ufikile. Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: Kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso; Wathabathe wona, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokuhlawulisa, ukuze achebe iintloko zawo; bazi bonke ukuba azinto zanto iindaba ezilungileyo ezi uzisiwe ngawe; kodwa ukuba nawe uhambe ngokufanelekileyo, uwugcina umthetho. Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni. Waza uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye. Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla, enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele. (Kuba abebone ngaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye esixekweni, abeba uPawulos umngenise etempileni.) Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango. Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile; owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos. Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba ungubani na, nokuba wenze ntoni na. Abanye abantu benkqangaza enye into, abanye yimbi. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi eso, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi. Uthe akufika kwizinyuko, wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yesiphithiphithi sabantu; kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni! Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi

IZENZO 21:15-40 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Sati emveni kwezontsuku sabopa impahla yetu, senyukela e‐Yerusaleme. Kwaya nabatile bakubo abadisipile base‐Kesareya kunye nati, bezisa umntu otile, u‐Mnasone wase‐Kiperusi, obekade engumdisipile, ebesiya kuhlala kuye. KEKALOKU sakufika e‐Yerusaleme, abadisipile basamkela ngovuyo. Wati ngomhla olandelayo wangena u‐Paulusi kunye nati ku‐Yakobi; bebeko bonke abadala nabo. Waza akuba ebabulisile, wabalisa ezozinto UTIXO ubezenzile pakati kwabaheyideni ngobukonzi bake ezinye ngezinye. Bati bona bakuva, bayidumisa INKOSI; baza batsho kuye ukuti: Uyabona, mzalwana! ukuba mangapina amawaka ama‐Juda akoliweyo; kanjako onke ayazondelela umteto: kekaloku atyelwe ngawe ukuba onke ama‐Juda apakati kwabaheyideni uyawafundisa ukupambuka ku‐Mosesi, usiti makangalusi abantwana bawo, makangahambi ngamasiko kanjalo. Kwotiwa nina ngoko? umhlambi ufanele kunene ukuba ubutane; ngokuba beya kuva ukuba ufikile. Yenza ngoko oku sikutsho kuwe: Kuko kuti amadoda amane enesibambiso pezu kwawo; wona la watabate nawe, uzicokise kunye nawo, uwenzelelele ekunikeleni, ukuze azigugule intloko; baze bonke bazi ukuba ezonto batyelwe zona ngawe aziluto, koko ukuba nawe ngokwako uyahamba ngokubamba umteto. Kodwa abaheyideni abakoliweyo sagweba saba̔la ngabo ukuba bangayigcini into enjalo, kupela ukuba balumkele okubingelwe izitixo, negazi, nokuṙwishiweyo, nombulo. Wandula u‐Paulusi wawatabata na ye amadoda lawo, wati ngomhla olandelayo, akuba ezicokisile kunye nawo, wangena etempileni, esazisa ukuzaliseka kwemihla yokucokisa, kwada kwanikelwa umnikelo ngenxa yawo amanye ngamanye. Kekaloku xeshekweni leyomihla isixe̔nxe ibiza kupela, ati ama‐Juda ase‐Asiya, akumbona etempileni, apitizelisa sonke isihlwele, abeka izandla pezu kwake, edanduluka ngokuti: Madoda, bo‐Sirayeli! ncedani. Nguye lo umntu ofundisayo bonke kuzo zonke indawo ngakubo abantu, nomteto, nalendawo; ote nakanjako wangenisa nama‐Girike etempileni, enco̔lisile lendawo engcwele. (Ngokuba ebesel’ ebonile u‐Trofimo um‐Efese esixekweni kunye naye, abebeba u‐Paulusi wamngenisa etempileni.) Saza savuselelwa isixeko sonke, kwasuka kwabako imbutumbutu yabantu; baza bambamba u‐Paulusi, bamr̔olela pandle kwetempile; zasezivalwa ke ingcango. Kekaloku nxa bebefuna ukumbulala, zafika indaba kwinkosiwaka yebandla, zokuba i‐Yerusaleme yonke ipitizele: eyati kwa oko yatabata nayo amasodati nenkosikulu, yehla yaya kubo ngokubaleka. Bati bona bakubona inkosiwaka namasodati, bayeka ukubeta u‐Paulusi. Yandula yasondela inkosiwaka yambamba, yaxela ukuba anxitywe ngemixokelelwane emibini; yaza yabuza ukuba angaba ngubanina, nokuba yinto nina ayenzileyo. Kodwa abanye bebememeza ngento etile, nabanye ngento yimbi, pakati kwesihlwele: yaza yakukohlwa kuyazi inyaniso yendawo ngenxa yesipitipiti, yaxela ukuba asiwe elalini yamasodati. Kwaza kwati, xeshekweni wafika pezu kwezinyukelo, watwalwa ngamasodati ngenxa yokunyanzela kwesihlwele: ngokuba umhlambi wabantu ubulandela, udanduluka ngokuti: Msuse yena! Waza u‐Paulusi esakungeniswa elalini yamasodati wati kwinkosiwaka: Ndingateta into kuwe kusinina? Yati ke yona: Uyakwazi ukuteta ngesi‐Girike na? akunguye na kambe lowam‐Jipete owati ngapambili kwezintsuku wenza impitimpiti, wakokela ngasentlango lomadoda amawaka mane abengabagwazi? Kodwa wati u‐Paulusi: Mna ndingumntu ongum‐Juda, um‐Tarese, umhlali wesixeko esingesesingenaludumo sase‐Silisiya: ndiyakukunga ke, ndivumele ukuba nditete kubo abantu. Kekaloku yakuba imvumele, u‐Paulusi, emi pezu kwezinyukelo, wakoba ngesandla ebantwini. Kwati kwakutwa cwaka kakulu, wateta kubo ngokuteta kwama‐Hebere, esiti