Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

iZenzo 21:15-40

iZenzo 21:15-40 CXB24

Ke kaloku, emva kwezo ntsuku, sabopha iinqwelo, senyuka saya eYerusalem. Kwahamba nathi abathile nakubafundi baseKesareya, besisa thina kuMnaso waseSipro, obengumfundi kwakudala, esaba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku, sakufika eYerusalem, basamkela ngovuyo abazalwana. Ngengomso ke uPawulos wangena kunye nathi kuYakobi; ayekho ke onke amadoda amakhulu. Ubabulisile, wamana ebacacisela zonke izinto awazenzayo uThixo phakathi kweentlanga, ngalo ulungiselelo lwakhe. Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; baye bonke bewuzondelele umthetho; Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko. Kuyintoni na ke ngoko? Kumelwe kuhlanganisana inkitha; kuba baya kuva ukuba ufikile. Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: Kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso; Wathabathe wona, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokuhlawulisa, ukuze achebe iintloko zawo; bazi bonke ukuba azinto zanto iindaba ezilungileyo ezi uzisiwe ngawe; kodwa ukuba nawe uhambe ngokufanelekileyo, uwugcina umthetho. Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni. Waza uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye. Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla, enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele. (Kuba abebone ngaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye esixekweni, abeba uPawulos umngenise etempileni.) Washukuma umzi uphela, babalekela ndawonye abantu; bamthabatha uPawulos, bamrholela ngaphandle kwetempile; zavalwa kwaoko iingcango. Ke kaloku, xa babeza kumbulala, lwafika udaba kumthetheli-waka webutho, lokuba iYerusalem iphela idubadubekile; owathi kwangelo lixa wathabatha amasoldati nabathetheli-khulu, wabaleka, wehla waya kubo. Bakumbona ke umthetheli-waka namasoldati, bayeka ukumbetha uPawulos. Waza wasondela umthetheli-waka, wambamba, wathi makakhonkxwe ngemixokelelwane emibini; wayebuza ukuba ungubani na, nokuba wenze ntoni na. Abanye abantu benkqangaza enye into, abanye yimbi. Akuba engenako ke ukuyazi inyaniso ngenxa yesiphithiphithi eso, wathi makasiwe enqabeni yomkhosi. Uthe akufika kwizinyuko, wathwalwa ngamasoldati, ngenxa yesiphithiphithi sabantu; kuba yayilandela inkitha yabantu, inkqangaza isithi, Msuseni! Xa ke wayeza kungeniswa enqabeni yomkhosi, wathi uPawulos kumthetheli-waka, Kuvumelekile na ukuba ndithethe kuwe? Wathi, Uyasazi na isiGrike? Asinguye na laa mYiputa, wathi ngaphambi kwale mihla wenza isaqunge, wakhokelela entlango amawaka amane amadoda angababulali? Uthe ke yena uPawulos, Mna ndingumYuda waseTarso, umzi waseKiliki, ummi womzi ongadume ngako. Ke kaloku, akubon’ ukuba umvumele, wema uPawulos ematyeni okunyuka, wawangawangisa ngesandla kubo abantu. Uthe ke, kwathi cwaka kakhulu, wathetha kubo ngesiHebhere, esithi