Emva kwexesha silapho salungiselela ukuya eJerusalem. Abanye babalandeli bakaYesu baseKhesariya bahamba nathi, basisa endlwini yendoda egama linguMnaso, esathi sahlala nayo. Loo ndoda yayingumfo waseSipro, ilikholwa elaguquka kwimihla yangaphambili.
Ekufikeni kwethu eJerusalem, amakholwa asamkela ngezandla ezishushu. Ngengomso sahamba noPawulos, saya kubona uYakobi. Nabo bonke abadala bebandla babekhona. Ebabulisile uPawulos, wabanika ingxelo epheleleyo ngezinto zonke uThixo awayezenzile ngaye phakathi kweentlanga. Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis. Evile ke ngawe ukuba wena ufundisa onke amaJuda ahlala kumazwe eentlanga, ukuba awulahle umthetho kaMosis. Futhi kuthiwa wena uthi makangabolùsi abantwana bawo, bangawalandeli namasiko esiJuda. Kunjalonje aza kuva ukuba ufikile. Uthi kungenziwa ntoni? Phulaphula ke, sikucebise! Apha kukho amadoda amane azibophe ngesifungo. Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis. Kodwa zona iintlanga ezingamakholwa sasizibhalele ileta ngokwesigqibo sethu, sibayala ukuba bangakutyi ukutya kwedini, nanyama inegazi, nasilwanyana sikrwitshiweyo, futhi bazikhwebule ekurheletyeni.”
Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.
Xa zaziza kuphela iintsuku ezisixhenxe *zentlambululo, amaJuda athile ephondo laseAsiya ambona uPawulos *esendlwini kaThixo. Avusa uqhushululu ebantwini, ambamba uPawulos, akhwaza esithi: “MaSirayeli, yizani! Nantsi le ndoda ihamba ithetha kakubi ngamaSirayeli, *ngomthetho kaMosis, nangendlu kaThixo, kumntu wonke. Ngoku ize kungcolisa le ndawo ingcwele ngokungenisa iintlanga kuyo.” Babesitsho kuba babekhe bambona kaloku uTrofimo wase-Efese edolophini apho, ekunye noPawulos; ngoku ke babeba uPawulos umzise endlwini kaThixo.
Yaba ludushe ke kuyo yonke idolophu; basuka indulumbane bonke abantu, bambamba uPawulos, bamqweqwedisela ngaphandle kwendlu kaThixo. Kwangoko bazivala iingcango. Babeza kumbulala uPawulos ukuba kwakungafikanga lizwi kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi wamaRoma, liyixelela ngodushe oluseJerusalem. Kwangoko ingqwayi-ngqwayi yesuka kunye namagosa ayo, neqela lamajoni, yasukela apho kolo dushe. Bakuyibona isiza namajoni, bayeka ukumbetha uPawulos abantu. Ingqwayi-ngqwayi yaya kuPawulos, yambamba, yayalela nokuba akhonkxwe ngamatyathanga amabini. Yaza ke yabuza isithi: “Ngubani lo mntu? Wenze ntoni?” Loo ndimbane yaphendula, abanye bethetha le, abanye bethetha leya. Kwakuphithizela kangangokuba ingqwayi-ngqwayi ayizange ikuqonde ncam okwakwenzekile, yaza ke yayalela ukuba uPawulos asiwe enqabeni yamajoni. Baya kufika naye ezitepsini, kwanyanzeleka ukuba amthwale apho amajoni, ngenxa yesiphithi-phithi sabantu. Bonke babemlandela bekhwaza besithi: “Bulala!”
Xa babeza kungena enqabeni, wathi uPawulos kwingqwayi-ngqwayi yomkhosi: “Ndingákhe ndithethe nawe?”
Ingqwayi-ngqwayi ithe: “Kanti uyasazi isiGrike? Kuthe kanti akunguye laa mJiputa wakha wadala uqhushululu apha, wakhokelela endle amawaka amane abarhubuluzi bexhobile?”
Uphendule wathi uPawulos: “Mna ndingumJuda; ndazalelwa eTarso kwelaseKiliki. Ndingummi wedolophu ebalulekileyo. Ndivumele ndikhe ndibhekise ilizwi kwaba bantu.”
Yamvumela ingqwayi-ngqwayi, waza ke uPawulos emi ezitepsini wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka abantu, wadanduluka ngesiHebhere esithi