IZENZO 2:1-13
IZENZO 2:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste,• baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya, kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, síngamaYuda kwanabangeni ebuYudeni, thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.

IZENZO 2:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ekufikeni komhla *wePentekoste babehlangene ndawonye bonke. Ngesaquphe beva isandi esingathi kukuza komoya omkhulu, uvuthuza esibhakabhakeni. Sayizalisa indlu ababehleli kuyo isandi eso. Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo. EJerusalem apho kwakukho amaJuda, abantu ababenenzondelelo ngezinto zikaThixo, bevela kuzo zonke izizwe zehlabathi. Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo. Bethe khumnqa, bathi: “Okunene aba bantu ngamaGalili bonke! Ke, kutheni le nto sonke ngabanye sibeva bethetha nathi ngolwimi lweenkobe? Thina singamaParti, namaMedi, namaElam, nabaseMesopotami, nabakwaJuda, nabaseKapadoki; singabasePonto naseAsiya, eFrigi nasePamfili, naseJiputa nabemimandla yaseLibhiya engaseKirene, nabahambi abavela eRoma. SingamaJuda nabangeni buJudeni, amaKrete nama-Arabhu. Siyabeva beyithetha ngeelwimi zethu imisebenzi yamandla kaThixo.” Bethe nqa ke bexakiwe, babuzana bathi: “Awu! Ngaba ithetha ntoni le nto?” Abanye baphoxisa ngabo, bathi: “À, suka! Banxilile!”
IZENZO 2:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa yonke indlu ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kwenzeka njani ukuba sibeve sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? amaPati, namaMedi, namaElam, nabemi baseMesopotami, nakwelakwaYuda, nakwelaKapadoki, kwelasePonto, nelaseAsiya; elaseFrigi, nelasePamfili, kwelaseJiputa, nakwelaseLibhiya, malunga neKirene, nabasemzini abaseRoma, abangamaYuda nabangeni ebuYudeni; AmaKrete nama-Arabhi, siyabeva bethetha ngeelwimi zethu imisebenzi ebalulekileyo kaThixo. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? Baye abanye bebagculela, besithi, Aba bazele yiwayini entsha
IZENZO 2:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KEKALOKU nxa ubusel’ ufika umhla wepentekoste, bebeko kwa bonke ngentliziyo nye endaweni nye. Kwaza kwavela ngokwalama ezulwini isandi njengesomoya uqutela ngamandla, sazalisa yonke indlu apo babehleli kona. Kwaza kwabonakala kubo ilwimi zanga zezomlilo zizahlulahlula, zahlala ngezinye pezu kwabo bonke ngabanye. Baza bazaliswa kwa bonke NGUMOYA OYINGCWELE, baqala ukuteta ngezinye inteto, njengokuba UMOYA wabebanika ukupimisela. Kekaloku kube kuhlala e‐Yerusaleme ama‐Juda, amadoda abubedesho, evela kuzo zonke intlanga ezipantsi kwezulu. Kwati kwakwenziwa lentlokoma, wabutana umhlambi, watiwa piti, kuba bonke ngabanye bebebeva beteta ngokwakowabo ukuteta. Babemangaliswa ke bonke, bati nqa, besiti omnye kwomnye: Bona ke, bonke aba abatetayo asi ngawo ama‐Galili na? kunganina pofu ukuba sive tina ngabanye ngokwakowetu ukuteta esasizelwe kuko?— ama‐Paratiya, nama‐Medi, nama‐Helami, nabemiyo e‐Mesopotami, nase‐Judeya, nase‐Kapadosiya, e‐Pontusi, nase‐Asiya, nase‐Firijiya, nase‐Pamfiliya, e‐Jipete, nasezahlulweni zase‐Libiya kufupi ne‐Kirene, nabaṙanukeli base‐Roma, kwa ama‐Juda nabangeneyo ebujudeni, ama‐Kirete, nama‐Arabi, — siyabeva beteta ngezetu inteto izinto ezinkulu ZIKATIXO. Babemangaliswa ke bonke, baxakeka, besiti omnye kwomnye: Kungafun’ ukuba yinto nina oku? Kodwa abanye behleka babesiti: Bazele yiveyine emnandi.