Izenzo zabapostile 2:1-13

Izenzo zabapostile 2:1-13 XHO1902A

KEKALOKU nxa ubusel’ ufika umhla wepentekoste, bebeko kwa bonke ngentliziyo nye endaweni nye. Kwaza kwavela ngokwalama ezulwini isandi njengesomoya uqutela ngamandla, sazalisa yonke indlu apo babehleli kona. Kwaza kwabonakala kubo ilwimi zanga zezomlilo zizahlulahlula, zahlala ngezinye pezu kwabo bonke ngabanye. Baza bazaliswa kwa bonke NGUMOYA OYINGCWELE, baqala ukuteta ngezinye inteto, njengokuba UMOYA wabebanika ukupimisela. Kekaloku kube kuhlala e‐Yerusaleme ama‐Juda, amadoda abubedesho, evela kuzo zonke intlanga ezipantsi kwezulu. Kwati kwakwenziwa lentlokoma, wabutana umhlambi, watiwa piti, kuba bonke ngabanye bebebeva beteta ngokwakowabo ukuteta. Babemangaliswa ke bonke, bati nqa, besiti omnye kwomnye: Bona ke, bonke aba abatetayo asi ngawo ama‐Galili na? kunganina pofu ukuba sive tina ngabanye ngokwakowetu ukuteta esasizelwe kuko?— ama‐Paratiya, nama‐Medi, nama‐Helami, nabemiyo e‐Mesopotami, nase‐Judeya, nase‐Kapadosiya, e‐Pontusi, nase‐Asiya, nase‐Firijiya, nase‐Pamfiliya, e‐Jipete, nasezahlulweni zase‐Libiya kufupi ne‐Kirene, nabaṙanukeli base‐Roma, kwa ama‐Juda nabangeneyo ebujudeni, ama‐Kirete, nama‐Arabi, — siyabeva beteta ngezetu inteto izinto ezinkulu ZIKATIXO. Babemangaliswa ke bonke, baxakeka, besiti omnye kwomnye: Kungafun’ ukuba yinto nina oku? Kodwa abanye behleka babesiti: Bazele yiveyine emnandi.