iZenzo 2:1-13

iZenzo 2:1-13 CXB24

Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste, baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa yonke indlu ababehleli kuyo. Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele. Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? Kwenzeka njani ukuba sibeve sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? amaPati, namaMedi, namaElam, nabemi baseMesopotami, nakwelakwaYuda, nakwelaKapadoki, kwelasePonto, nelaseAsiya; elaseFrigi, nelasePamfili, kwelaseJiputa, nakwelaseLibhiya, malunga neKirene, nabasemzini abaseRoma, abangamaYuda nabangeni ebuYudeni; AmaKrete nama-Arabhi, siyabeva bethetha ngeelwimi zethu imisebenzi ebalulekileyo kaThixo. Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? Baye abanye bebagculela, besithi, Aba bazele yiwayini entsha