IZENZO 10:1-22
IZENZO 10:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, kwaye kukho eKesareya ndoda ithile, igama linguKorneli, umthetheli-khulu wasebuthweni lamasoldati ekuthiwa lelaseItali, emhlonelayo, emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yayo; ibaliza abantu kunene; kanjalo yayimana ikhunga kuThixo. Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lemini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Hina, Korneli! Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Sithe ke kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo emehlweni kaThixo. Susa kwangoku amadoda, aye eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo úya kukuxelela into omelwe kukuyenza. Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye; waza, ebacacisele zonke iindawo, wabathuma eYopa. Ke kaloku ngengomso, bakubon' ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze. Wesuka ke walamba kakhulu, wanga angakhe afumane into edliwayo; kuthe ke, bakubon' ukuba ke bayamlungisela, wawelwa lithongo: wabona izulu livulekile, kusihla phezu kwakhe sitya sithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe kumasondo omané, sithotyelwa emhlabeni; ekwaye kukho kuso zonke izinto zomhlaba ezizitho ziné, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu. Kwabakho izwi lisithi kuye, Vuka, Petros, xhela udle. Uthe ke uPetros, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle. Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena. Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini. Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni; akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na. Ke kaloku, akubon' ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna; suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim. Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo? Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.

IZENZO 10:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
EKhesariya kwakukho umphathi-butho wamajoni aseRoma ogama linguKorneli. Umkhosi wakhe kwakusithiwa ngowaseItali. Yena nosapho lwakhe babengabantu abamnqulayo bemhlonela uThixo. Wayengumntu onezinwe, ewanceda amaJuda ahlelelekileyo, ethandaza rhoqo kuThixo. Ngenye injika-langa kwisithuba sentsimbi yesithathu, waba nombono, wasibona ngokucacileyo isithunywa sikaThixo singena sisithi kuye: “Korneli!” Wasiqwalasela enoloyiko, wathi: “Yintoni, Nkosi?” Saphendula sathi: “UThixo uyamkele imithandazo nemisebenzi yakho yesisa; akazange wakulibala. Ngoku ke thuma amadoda eJopa, kumntu othile ogama linguSimon Petros, olundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.” Sakumka isithunywa eso, uKorneli wabiza izicaka zakhe ezibini, kunye nejoni elalimhlonela uThixo, elalingumlindi wakhe. Wabachazela konke okwakumhlele, waza wabathuma eJopa. Ngomhla olandelayo, xa babesendleleni, besondela eJopa, uPetros uthe emini emaqanda waya kuthandaza phezu kwendlu kwindawo esabuvaranda. Wasuka walamba, wafuna into etyiwayo, kwathi besamlungiselela ukutya wabona umbono. Wabona izulu livulekile, kusihla into engathi lilaphu elikhulu libanjwe ngamasondo omane, lisiza emhlabeni. Kulo kwakukho zonke iintlobo zezidalwa ezingatyiwayo ezizitho zine, ezirhubuluzayo, nezibhabhayo. Weva ilizwi lisithi kuye: “Vuka, xhela utye, Petros.” Waphendula wathi: “Nkosi, ngunotshe lowo! Mna andizange ndiyitye into engatyiwayo.” Laphinda ilizwi elo lavakala kuye lisithi: “Musa ukuthi ayityiwa into athi uThixo iyatyiwa.” Le nto yenzeka kwada kwakathathu, laza ke ilaphu elo lanyuselwa ezulwini. Ngoku asamangalisiweyo yena uPetros ukuba ngaba yintoni na intsingiselo yalo mbono, wona amadoda athunywe nguKorneli ayesede awufumana umkhondo wendlu kaSimon, selemi esangweni. Abuzisa ukuba ngaba akukho mhambi ugama linguSimon Petros na apho. UPetros yena wayesajika-jikana nalo mbono ukuva kwakhe uMoya oyiNgcwele esithi: “Phulaphula, nango amadoda amathathu ekufuna. Phakama uye kuwo la madoda, ungathandabuzi, uhambe nawo, kuba athunywe ndim.” Waya kuwo uPetros, wafika wathi: “Ndim lo nimfunayo. Ngaba nindifuna ngani?” Wona aphendula athi: “Sithunywa yiNkosi yethu uKorneli, oyindoda elungileyo emhlonelayo uThixo, ehlonitshwayo nangamaJuda. Uxelelwe sisithunywa sikaThixo ukuba makakubize uye endlwini yakhe, ukuze eve loo nto uya kumxelela yona.”
IZENZO 10:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwakukho ndoda ithile eKesareya, ekuthiwa nguKorneli, umthetheli-khulu webutho elibizwa ngokuba libutho lamaTaliyane, emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yakhe, ibaliza abantu; Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Korneli! Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Uthe ke yena kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo phambi koThixo. Thumela ngoku amadoda eYopa, ubize uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza. Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye; Uthe ke, ebacacisele zonke ezi ndawo, wabathuma eYopa. Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze. Wesuka walamba kakhulu, wanga angakhe adle; Walibona izulu livulekile, kusihla kuye isitya esithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe ngamasondo omane, sithotyelwa emhlabeni. Ekwaye kukho kuzo zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu. Kwabakho nezwi kuye lisithi, Vuka, Petros; xhela, udle. Uthe ke uPetros, Hayi, Nkosi; kuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle. Labuya ilizwi okwesibini lisithi kuye, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena. Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini. Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lowo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza ngendlu kaSimon, emi esangweni. Akhwaza ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na. Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna; Vuka ngoko, uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nto, kuba athunywe ndim. Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli; wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; Bathe ke bona, uKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, engqinelwe kakuhle lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe nguThixo ngesithunywa esingcwele, ukuba akuthumele endlwini yakhe, eve amazwi alungileyo, wena.
IZENZO 10:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwabekuko indoda etile e‐Kesareya egama lalingu‐Koroneli, inkosikulu yasebandleni elibizwa ngokuti lelase‐Yitaliya, ebingobedeshekileyo, ebisoyika UTIXO kunye nendlu yayo yonke, eyabenzela abantu amalizo amaninzi, yatandaza KUTIXO futi. Lomntu wabona embonisweni kwa sekuhleni, yanga yayiyure yesitoba yemini, ingelosi KATIXO ukuba yangena kuye, yati kuye: Koroneli! Waza yena ewabeka amehlo pezu kwayo, esoyika nokwoyika, wati: Yinto nina, Nkosi! Yayisiti kuye: Imitandazo yako nemilizo yako inyukele ibe yinkumbuzo ebusweni BUKATIXO: nakaloku watume amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi: lo uyahlala ku‐Simone otile umsuki wezikumba, ondlu ingaselwandle: lo wokutyela into ufanele ukuyenza. Kekaloku xeshekweni yemkayo ingelosi ebiteta ku‐Koroneli, wabiza isibini sezicaka zake, nesodati elibedeshekileyo lakuwo abemana enaye: waza wati, akuba ebatyele kwa konke, wabatuma e‐Jopa. Kekaloku ngomnye umhla, nxa bebehamba abo, besondela esixekweni, wenyukela u‐Petrosi pezu kwentungo yendlu ukutandaza, ngeyure yesitandatu. Waza walamba kakulu, wanga angatya; kodwa nxa bebelungisa bona, wawelwa lipupaṙa, wabona izulu livulekile, nempahla etile njengeqiya enkulu isihla ngakuye, ibotshelelwe ngamancam omane, ihliselwa pantsi emhlabeni; ekube kuko pakati kwayo zonke izilo zomhlaba ezinyawo zine, namar̔amncwa, nento ezinambuzelayo, nentaka zezulu. Kwaza kweza ilizwi kuye, lisiti: Suka, Petrosi! xe̔la utye. Kodwa u‐Petrosi wati: Nakanye, NKOSI! ngokuba ndingazanga nditye nanye into engengcwele nenco̔lileyo. Kwabuya kweza ilizwi kuye ngokwesibini, lisiti: Oko akuhlanzileyo UTIXO, ungakwenzi okungengcwele wena. Oku ke kwenziwa katatu: yaza impahla leyo yabuya yenyuselwa ezulwini. Kekaloku nxa u‐Petrosi ebexakekile pakati kwake, ukuba ungaba yinto nina lomboniso awubonileyo, bona ke, lomadoda abesusiwe ku‐Koroneli, eyifumene ngokubuza indlu ka‐Simone, ema ngapambi kwesango, abiza ke, abuza ukuba u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi uyahlala kona na. Esacingela umboniso lowo u‐Petrosi, wati UMOYA kuye: Bona ke, amadoda amatatu ayafuna wena: uz’ usuke ngoko, uhle, uye nawo, ungatandabuzi nto; ngokuba ndiwatumile mna. Waza wehla u‐Petrosi waya kulomadoda abesusiwe ku‐Koroneli ukuza kuye, wati: Bona ke, ndinguye enimfunayo; liyinina ituba enilapa ngenxa yalo? Ati ke wona: u‐Koroneli inkosikulu, indoda elungileyo, emoyikayo UTIXO, enqi̔nelwayo kakuhle lulo lwonke uhlanga lwama‐Juda kanjalo, wayalwa NGUTIXO ngengelosi engcwele, ukuba akumemele endlwini yake, nokuba eve amazwi kuwe.