Kwabekuko indoda etile e‐Kesareya egama lalingu‐Koroneli, inkosikulu yasebandleni elibizwa ngokuti lelase‐Yitaliya, ebingobedeshekileyo, ebisoyika UTIXO kunye nendlu yayo yonke, eyabenzela abantu amalizo amaninzi, yatandaza KUTIXO futi. Lomntu wabona embonisweni kwa sekuhleni, yanga yayiyure yesitoba yemini, ingelosi KATIXO ukuba yangena kuye, yati kuye: Koroneli! Waza yena ewabeka amehlo pezu kwayo, esoyika nokwoyika, wati: Yinto nina, Nkosi! Yayisiti kuye: Imitandazo yako nemilizo yako inyukele ibe yinkumbuzo ebusweni BUKATIXO: nakaloku watume amadoda e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi: lo uyahlala ku‐Simone otile umsuki wezikumba, ondlu ingaselwandle: lo wokutyela into ufanele ukuyenza. Kekaloku xeshekweni yemkayo ingelosi ebiteta ku‐Koroneli, wabiza isibini sezicaka zake, nesodati elibedeshekileyo lakuwo abemana enaye: waza wati, akuba ebatyele kwa konke, wabatuma e‐Jopa.
Kekaloku ngomnye umhla, nxa bebehamba abo, besondela esixekweni, wenyukela u‐Petrosi pezu kwentungo yendlu ukutandaza, ngeyure yesitandatu. Waza walamba kakulu, wanga angatya; kodwa nxa bebelungisa bona, wawelwa lipupaṙa, wabona izulu livulekile, nempahla etile njengeqiya enkulu isihla ngakuye, ibotshelelwe ngamancam omane, ihliselwa pantsi emhlabeni; ekube kuko pakati kwayo zonke izilo zomhlaba ezinyawo zine, namar̔amncwa, nento ezinambuzelayo, nentaka zezulu. Kwaza kweza ilizwi kuye, lisiti: Suka, Petrosi! xe̔la utye. Kodwa u‐Petrosi wati: Nakanye, NKOSI! ngokuba ndingazanga nditye nanye into engengcwele nenco̔lileyo. Kwabuya kweza ilizwi kuye ngokwesibini, lisiti: Oko akuhlanzileyo UTIXO, ungakwenzi okungengcwele wena. Oku ke kwenziwa katatu: yaza impahla leyo yabuya yenyuselwa ezulwini.
Kekaloku nxa u‐Petrosi ebexakekile pakati kwake, ukuba ungaba yinto nina lomboniso awubonileyo, bona ke, lomadoda abesusiwe ku‐Koroneli, eyifumene ngokubuza indlu ka‐Simone, ema ngapambi kwesango, abiza ke, abuza ukuba u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi uyahlala kona na.
Esacingela umboniso lowo u‐Petrosi, wati UMOYA kuye: Bona ke, amadoda amatatu ayafuna wena: uz’ usuke ngoko, uhle, uye nawo, ungatandabuzi nto; ngokuba ndiwatumile mna. Waza wehla u‐Petrosi waya kulomadoda abesusiwe ku‐Koroneli ukuza kuye, wati: Bona ke, ndinguye enimfunayo; liyinina ituba enilapa ngenxa yalo? Ati ke wona: u‐Koroneli inkosikulu, indoda elungileyo, emoyikayo UTIXO, enqi̔nelwayo kakuhle lulo lwonke uhlanga lwama‐Juda kanjalo, wayalwa NGUTIXO ngengelosi engcwele, ukuba akumemele endlwini yake, nokuba eve amazwi kuwe.