Kwakukho ndoda ithile eKesareya, ekuthiwa nguKorneli, umthetheli-khulu webutho elibizwa ngokuba libutho lamaTaliyane, emoyikayo uThixo, kunye nayo yonke indlu yakhe, ibaliza abantu; Yabona embonweni kakuhle, malunga nelixa lesithoba lenini, kufika kuyo isithunywa sikaThixo, sisithi kuyo, Korneli! Eqwalasele ke kuso, wangenelwa kukoyika, wathi, Yintoni na, Nkosi? Uthe ke yena kuye, Imithandazo yakho namalizo akho anyukile, aba sisikhumbuzo phambi koThixo. Thumela ngoku amadoda eYopa, ubize uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe lukaSimon, umsuki wezikhumba, ondlu ingaselwandle; yena lowo uya kukuxelela into omelwe kukuyenza. Ke kaloku, sakuba simkile isithunywa eso besithetha noKorneli, wabiza zazibini kwizicaka zakhe zasendlwini, nesoldati elimhlonelayo uThixo kwabehlala ehleli naye; Uthe ke, ebacacisele zonke ezi ndawo, wabathuma eYopa. Ke kaloku ngengomso, bakubon’ ukuba basendleleni bona, besondela kuwo umzi, wenyuka uPetros, waya phezu kwendlu, malunga nelixa lesithandathu, ukuba athandaze. Wesuka walamba kakhulu, wanga angakhe adle; Walibona izulu livulekile, kusihla kuye isitya esithile, ngathi yilinen enkulu ebotshwe ngamasondo omane, sithotyelwa emhlabeni. Ekwaye kukho kuzo zonke izinto zomhlaba ezizitho zine, namarhamncwa, nezinambuzane, neentaka zezulu. Kwabakho nezwi kuye lisithi, Vuka, Petros; xhela, udle. Uthe ke uPetros, Hayi, Nkosi; kuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, andizanga ndiyidle. Labuya ilizwi okwesibini lisithi kuye, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena. Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini. Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lowo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza ngendlu kaSimon, emi esangweni. Akhwaza ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na. Ke kaloku, akubon’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna; Vuka ngoko, uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nto, kuba athunywe ndim. Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli; wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; Bathe ke bona, uKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, engqinelwe kakuhle lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe nguThixo ngesithunywa esingcwele, ukuba akuthumele endlwini yakhe, eve amazwi alungileyo, wena.