KWABASEKORINTE II 2:12-17
KWABASEKORINTE II 2:12-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ndakuba ndifikile eTrowa, ndishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndivulelwe nomnyango weNkosi; Andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndemka ndaya kwelaseMakedoni. Makubulelwe ke kuThixo, ohlala esiphuphuma uqhayiso ngoKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. Kuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye ilivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? Kaloku asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
KWABASEKORINTE II 2:12-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini, andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndaya kwelaseMakedoni. Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? Kuba àsithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.

KWABASEKORINTE II 2:12-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndakuba ndiseTrowa ngodaba lokuhambisa iindaba ezimnandi ezingoKrestu, ndafika apho iNkosi indenzele ithuba elihle lokusebenza. Kodwa andizange ndonwabe emphefumlweni ngenxa yokungamfumani apho uTito uwethu. Ndasuka ke ndacela indlela kubantu balapho, ndemka ndaya eMakedoni. Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi. Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo. Iphunga laso liyabarhaxa abaya kwantshabalalo; silivumba elimnandi elidlisa ubomi kwabo basindiswayo. Ke, ngaba ngubani owufaneleyo lo msebenzi unje? Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.
KWABASEKORINTE II 2:12-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku, ndakuba ndifikile eTrowa, ndishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndivulelwe nomnyango weNkosi; Andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndemka ndaya kwelaseMakedoni. Makubulelwe ke kuThixo, ohlala esiphuphuma uqhayiso ngoKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. Kuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye ilivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? Kaloku asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu.
KWABASEKORINTE II 2:12-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjako, ndakufika e‐Tirowa ngenxa yevangeli ka‐Kristu, nanxa bendivulelwe ucango ENKOSINI, ndandingenakupumla emoyeni wam, ekubeni bendingafumani u‐Titusi umzalwana wam; koko ndibabulisile nje ndemkayo ukuya e‐Masedoniya. KODWA makubulelwe KUTIXO, oti ngamaxesha onke asenze soyise ku‐Kristu, nevumba lokwaziwa kwake alibonakalise ngati kuzo zonke indawo. Ngokokuba silivumba elimnandi lika‐Kristu kuye UTIXO, pakati kwabo basindiswayo, napakati kwabo babubayo: kwabanye silivumba lokufa kube kukufa; kwabanye silivumba lobomi bube bubomi. Kanti ngubanina ozilinganele ezizinto? Ngokuba singenjengabo abaninzi, siligxengela ilizwi LIKATIXO nje; koko njengabobunene, koko njenga BAKATIXO, ebusweni BUKATIXO, sitetayo ku‐Kristu.