Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 2:12-17

Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 2:12-17 XHO1902A

Kanjako, ndakufika e‐Tirowa ngenxa yevangeli ka‐Kristu, nanxa bendivulelwe ucango ENKOSINI, ndandingenakupumla emoyeni wam, ekubeni bendingafumani u‐Titusi umzalwana wam; koko ndibabulisile nje ndemkayo ukuya e‐Masedoniya. KODWA makubulelwe KUTIXO, oti ngamaxesha onke asenze soyise ku‐Kristu, nevumba lokwaziwa kwake alibonakalise ngati kuzo zonke indawo. Ngokokuba silivumba elimnandi lika‐Kristu kuye UTIXO, pakati kwabo basindiswayo, napakati kwabo babubayo: kwabanye silivumba lokufa kube kukufa; kwabanye silivumba lobomi bube bubomi. Kanti ngubanina ozilinganele ezizinto? Ngokuba singenjengabo abaninzi, siligxengela ilizwi LIKATIXO nje; koko njengabobunene, koko njenga BAKATIXO, ebusweni BUKATIXO, sitetayo ku‐Kristu.