Ndakuba ndiseTrowa ngodaba lokuhambisa iindaba ezimnandi ezingoKrestu, ndafika apho iNkosi indenzele ithuba elihle lokusebenza. Kodwa andizange ndonwabe emphefumlweni ngenxa yokungamfumani apho uTito uwethu. Ndasuka ke ndacela indlela kubantu balapho, ndemka ndaya eMakedoni. Kodwa, makabongwe uThixo! Kuba simanywe noKrestu nje, yena usoloko esikhokela kumngcelele woloyiso lwakhe. UThixo usebenzisa thina, ukuze kunwenwe ukumazi uKrestu, kugqibe yonke indawo, njengevumba elimnandi. Sinjengesiqhumiso thina esinevumba elimnandi, uKrestu asiqhumisela uThixo, ukuze sinwenwe phakathi kwabasindiswayo nâbo baya kwantshabalalo. Iphunga laso liyabarhaxa abaya kwantshabalalo; silivumba elimnandi elidlisa ubomi kwabo basindiswayo. Ke, ngaba ngubani owufaneleyo lo msebenzi unje? Thina okungenani asihambi sijikeleza sithengisa ngodaba lukaThixo njengoko besenza abaninzi. Thina bamanywe noKrestu sivakalisa udaba sinyanisekile okwezigidimi zikaThixo.
Funda 2 KWABASEKORINTE 2
Share
Compare All Versions: 2 KWABASEKORINTE 2:12-17
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos