KAPETROS I 5:5-6
KAPETROS I 5:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo. Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.
KAPETROS I 5:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangaloo ndlela ke nani, bafana, walulameleni amadoda amakhulu. Xa ninonke ke ngoko yithani wambu ukuthobelana. Kaloku uThixo ubachasile abo banekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo. Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.
KAPETROS I 5:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokunjalo, nina batsha, wathobeleni amadoda amakhulu. Yambathani ukuthobeka kwentliziyo nonke; kuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo. Zithobeni ngoko phantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo
KAPETROS I 5:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokunjalo, nina batsha! lulamelani kubo abadala. Ewe nonke lulamelani omnye kwomnye, nambate ukutobeka kwentliziyo: ngokuba UTIXO emelana nabaner̔atshi, kodwa abatobekileyo uyabapa ufefe. Zitobeni ngoko ngapantsi kwaso isandla esinamandla SIKATIXO, ukuze anipakamise ngexesha elifanelekileyo