KAYOHANE I 4:7-10
KAYOHANE I 4:7-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando. Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye. Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.

KAYOHANE I 4:7-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo. Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando. Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye. Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.
KAYOHANE I 4:7-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo; Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo; ngokuba uThixo uluthando. Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye. Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
KAYOHANE I 4:7-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
BATANDWA! masitandane: ngokuba utando luvela KUTIXO; nosukuba etanda, yena uzelwe NGUTIXO, uyamazi UTIXO kanjako. Lowo ungatandiyo akamazanga UTIXO: ngokuba UTIXO elutando. Kuko oku utando LUKATIXO lwabonakaliswa kuti, ukuba unyana wake okupela kwozelweyo UTIXO umtumile ukuza elizweni, ukuze sipile ngaye. Nal’ utando kuko oku, kungekukuba tina samtanda UTIXO, kukuba yena wasitanda tina, wamtuma unyana wake ukuba sisizi ngenxa yezono zetu.