KAYOHANE I 1:5-10
KAYOHANE I 1:5-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
KAYOHANE I 1:5-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama. Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso. Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono. Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela. Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.
KAYOHANE I 1:5-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
KAYOHANE I 1:5-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Siso esi ke isishumayelo esisivileyo kwa kuye, nesisishumayolayo kuni, sokokuba UTIXO ulukanyo, nokuba akuko nabunye ubumnyama kuye. Xeshekweni sitshoyo ukuti sinobudlelana naye, kanti sihamba ebumnyameni, siyaxoka, singayenzi inyaniso ke. Kodwa xeshekweni sihamba elukanyweni, njengokuba yena eselukanyweni, sinobudlelana omnye nomnye, negazi lika‐Yesu Kristu unyana wake lona liyasihlambulula kubo bonke ubono. Xeshekweni sitshoyo ukuti asinabo ubono, siyazikohlisa, iti yona inyaniso ingabiko kuti. Xeshekweni sizivumayo izono zetu, unyanisekile yena, ulungile kanjalo, ukuze asixolele izono zetu, asihlambulule kuko konke okungalungileyo. Xeshekweni sitshoyo ukuti asonanga, siyamenza yena ixoki, liti ilizwi lake lingabiko kuti.