Siso esi ke isishumayelo esisivileyo kwa kuye, nesisishumayolayo kuni, sokokuba UTIXO ulukanyo, nokuba akuko nabunye ubumnyama kuye. Xeshekweni sitshoyo ukuti sinobudlelana naye, kanti sihamba ebumnyameni, siyaxoka, singayenzi inyaniso ke. Kodwa xeshekweni sihamba elukanyweni, njengokuba yena eselukanyweni, sinobudlelana omnye nomnye, negazi lika‐Yesu Kristu unyana wake lona liyasihlambulula kubo bonke ubono. Xeshekweni sitshoyo ukuti asinabo ubono, siyazikohlisa, iti yona inyaniso ingabiko kuti. Xeshekweni sizivumayo izono zetu, unyanisekile yena, ulungile kanjalo, ukuze asixolele izono zetu, asihlambulule kuko konke okungalungileyo. Xeshekweni sitshoyo ukuti asonanga, siyamenza yena ixoki, liti ilizwi lake lingabiko kuti.
Funda Eyokuqala incwadi ka‐Johane 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Eyokuqala incwadi ka‐Johane 1:5-10
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo