KaYohane 1 KaYohane 1 – 1

KaYohane 1 – 1
1Le nto yayikho kwasekuqalekeni, esakuvayo, esiyibonileyo ngamehlo ethu, esayibonayo, zaza izandla zethu zayiphatha, ngelizwi lobomi; 2Kuba obo bomi babonakaliswayo, nathi sabubona, siyangqina, siyanibonisa, obo bomi bungunaphakade, bona bube bunaye uYise, babonakaliswa kuthi; 3Oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu. 4Ezi zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke. 5Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye. 6Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso; 7ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono. 8Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi. 9Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi. 10Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena