Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KwabaseRoma 9:1-21

KwabaseRoma 9:1-21 CXB24

Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sanesazela sam sindingqinela nakuMoya oyiNgcwele; ngokuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndaphuma kuKristu ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama; Ngoobani bona oonyana bakaSirayeli; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqophiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga; abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli; kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; Oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana. Asiyiyo le yodwa; kwathi nakuRebheka, akubon’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu. (Kuba abantwana bengekazalwa, bengenzanga nto ilungileyo, nokuba imbi, ukuze icebo likaThixo elingokonyulo lime, lingabi ngokwasemisebenzini, libe liphuma kulowo ubizayo); Kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya. Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Makube lee oko. Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. Ngoko ke asikokothandayo, asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba. Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi. Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni. Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe? Ehla ke, mntundini! ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza? Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe ukuba enze kwangaloo ntlama, esinye isitya sibe sebekeka, nesinye esingabekekanga?