KWABASEROMA 9:1-21
KWABASEROMA 9:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele, ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. Kuba bendingáde ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama, abangamaSirayeli bona; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga; abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli; kananjalo àbathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; oko kukuthi, àsingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana. Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon' ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu, nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo: kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya. (UMal. 1:23) Síthini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Nakanye! Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba. Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakúvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi. Ngoko ke únenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni. Ùya kuthi kum ngoko, Úsasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe? Ehla ke, mntundini! Ùngubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingátsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza? Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
KWABASEROMA 9:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mna ndingokaKrestu; ndithetha inyaniso, andixoki. Kwanesazela sam, silawulwa nguMoya oyiNgcwele, siyandingqinela ukuba andixoki. Ndiselusizini olukhulu, ndaye ndinentlungu engapheliyo entliziyweni yam ngenxa yamawethu amaSirayeli. Ewe, bendingade ndinqwenele ukuba mna ngokwam ndibe ngoqalekisiweyo nguThixo esikhundleni sawo, ndide ndahlukaniswe noKrestu. AmaSirayeli la kaloku uThixo wawenza oonyana bakhe, wabubonakalisa kuwo nobuqaqawuli bakhe. Wenza iminqophiso nawo, wawanika umthetho neyona ndlela yonqulo, wawenzela kwanezithembiso. Ayinzala *yamanyange, kwaye kuwo kwavela uKrestu ngokobuntu, yena owongamela konke, ongulo Thixo omakadunyiswe ngonaphakade. *Amen. Le nto ke ayithethi kuthi ilizwi likaThixo lona ngokwalo litshitshile. Asingabo bonke kaloku abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli ncam. Kananjalo asingabo bonke abazelwe nguAbraham abayinzala yakhe ncakasana. Kaloku uThixo wathi kuAbraham: “Inzala yakho ncam iya kuphuma kunyana wakho uIsake.” Loo nto ithetha ukuthi asingabo bonke abantwana abazeleyo uAbraham abangabantwana bakaThixo. Hayi, ngabantwana besithembiso kuphela ababalelwa ekubeni bayinzala ncam. Kaloku isithembiso sênziwa nguThixo ngala mazwi athi: “Ngexesha elifanelekileyo ndiya kukuvelela, waye ke uSara uya kuzala unyana.” Ukuqhubela phambili mandithi: Uyise wamawele kaRabheka wayemnye, inguIsake ubawo wethu. Kwathi abantwana bengekazalwa, bengekenzi nto, nokuba yelungileyo, nokuba yembi, uThixo wathi kuRabheka: “Omdala uya kuba ngumkhonzi womncinci.” Kaloku unyulo lukaThixo lusekelwe kubizo lwakhe, kungekuko nakuyiphi na into eyenziwa ngumntu; njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Ndamthanda uYakobi, ndamthiya yena uEsawu.” Síthini ke ngoko? Ngaba sinokuthi uThixo akanabulungisa? Nakanye! Kaloku wathi kuMosis: “Ndiya kuba nenceba kulowo ndinenceba kuye, ndibe netarhu kulowo ndinetarhu kuye.” Ke ukunyulwa komntu akuxhomekekanga ekuzithandeleni komntu, okanye ekwenzeni kwakhe, koko kuxhomekeke kwinceba kaThixo. Kaloku iziBhalo zithi kukumkani waseJiputa: “Ndakuphakamisa ukuze ndiwabonakalise ngawe amandla am, ize negama lam lidume, linwenwe kulo lonke ihlabathi.” Ngoko ke uThixo unenceba kulowo athanda ukumenzela inceba, aze ayenze lukhuni intliziyo yalowo athanda ukuyenza lukhuni. Omnye kuni usenokuthi kum: “Ukuba ke kunjalo angathini na uThixo ukumsola umntu; kungekho bani nje unokumelana nentando kaThixo?” Mntundini, kuxa ungubani wena ukuba ungade uphendulane noThixo? Into ebunjiweyo ingátsho njani kumbumbi wayo ukuthi: “Yini na ukuba undenjenje ukundibumba?” Akanalo kakade umbumbi ilungelo lokuthi ngamdongwe mnye enze ingqayi exabisekileyo kwanengaxabisekanga?
KWABASEROMA 9:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sanesazela sam sindingqinela nakuMoya oyiNgcwele; ngokuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. Kuba bendingade ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndaphuma kuKristu ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama; Ngoobani bona oonyana bakaSirayeli; ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqophiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga; abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen. Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli; kananjalo abathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; Oko kukuthi, asingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu. Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana. Asiyiyo le yodwa; kwathi nakuRebheka, akubon’ ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu. (Kuba abantwana bengekazalwa, bengenzanga nto ilungileyo, nokuba imbi, ukuze icebo likaThixo elingokonyulo lime, lingabi ngokwasemisebenzini, libe liphuma kulowo ubizayo); Kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, uYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya. Sithini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? Makube lee oko. Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. Ngoko ke asikokothandayo, asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba. Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakuvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi. Ngoko ke unenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni. Uya kuthi kum ngoko, Usasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe? Ehla ke, mntundini! ungubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingatsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza? Akanagunya na umbumbi phezu kodongwe ukuba enze kwangaloo ntlama, esinye isitya sibe sebekeka, nesinye esingabekekanga?
KWABASEROMA 9:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDIYATETA inyaniso ku‐Kristu, andixoki, isazeliso sam sinqi̔nelana nam KUMOYA OYINGCWELE, ukuba ndinosizi olukulu, nendandateko engapeliyo entliziyweni yam: ngokuba bendinganqwenayo ukuba mna ngokwam bendiyinto eyahlukanisiweyo no‐Kristu ngenxa yabo abazalwana bam, izalamane zam ngokwenyama: abangama‐Sirayeli; ekukokwabo ubunyana, nobungcwalisa, nengcebano, nokunikwa kwomteto, nesikonzo, namadinga; abangababooyise, nokuvela kubo u‐Kristu ngokwenyama, ONGUTIXO pezu kwonke, edumisekile ngonapakade. Amene. Kungenjengokungati ilizwi LIKATIXO litshitshile. Ngokuba kungengabo bonke abavela ku‐Sirayeli, abango‐Sirayeli: kanjako, abalusapo bonke, ukuba beyinzalo ka‐Abrahame; koko kusitwa: Ku‐Yisake iya kubizwa inzalo yako. Oko kukuti, asi ngabalusapo lwenyama, abalusapo LUKATIXO; koko ngabalusapo lwedinga ababalelwa ukuba yinzalo. Ngokuba ilizwi ledinga leli lokuti: Ekutwaseni kwelixesha ndiya kuza, waeya kuti u‐Sara abe nonyana. Kungenjalo ke kodwa; koko kanjako nxa u‐Rebeka ebekaulile ngomnye, ngo‐Yisake ubawo wetu; ngokuba, abantwana bengekazalwanga, bengenzanga nto elungileyo nekohlakeleyo kanjalo, ukuze imvume KATIXO ngokwoqasho ibe nokuma, ingengemisebenzi, koko ingalowo ubizayo; bekutiwa kuye: Omkulu wokonza komncinane. Kwa njengokuba kuba̔liwe ukuti: u‐Yakobi ndamtanda, no‐Esau ndamtiya. Soti nina pofu? Kuko ukungalungisi KUTIXO na? Kwanga kungebe njalo! Ngokuba esiti ku‐Mosesi: Ndoba netaṙu kosukuba endinetaṙu kuye, ndandiya kuba nenceba kosukuba endinenceba kuye. Ngako ke, asi kokwotandayo, asi kokwobalekayo kanjalo, koko kuko KUKATIXO owenza ngetaṙu. Ngokuba isiba̔lo sisiti ku‐Faro: Ndakuvusela kwa kona oku, ukuba kuwe ndibonakalise amandla am, nokuba igama lam lishunyayelwe emhlabeni wonke. Ngako ke, lowo atandayo, unetaṙu kuye; nalowo atandayo, uyamenza lukuni. Pofu wena woti kum: Usagungqela nina? ngokuba ngubanina omelana nentando yake? Hai gxebe, mntundini! ungubanina wena opind’ ukupendula KUTIXO? Into edaliweyo iya kutsho na koyidalileyo ukuti: Yinina ukuba wandenza ngokunjalo? Umbumbi akanamandla pezu kwodongwe na, ukuba ati ngesimba elikwa linye enze enye impahla ibe yenokubekwa, nenye ibe yengenakubekwa?