Lowo uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa ke kungabi ngokucalula zicamango. Omnye ukholwa ukuba angazidla izinto zonke; kodwa yena oswele amandla udla imifuno. Lowo udlayo, makangamenzi into engeyakonto ongadliyo; nalowo ungadliyo, makangamgwebi odlayo; kuba uThixo umamkele. Ungubani na wena ugweba isicaka somnye? Ukuma kwaso, nokuba kukuwa kwaso, kusenkosini yaso, ewe, uya kuma, kuba uThixo unako ukummisa. Omnye umntu ubeka umhla othile kunomnye umhla, wumbi ke ubeka imihla yonke. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo. Lowo uwunyamekelayo umhla, uwunyamekelela iNkosi; nalowo ungawunyamekeliyo umhla, engawunyamekeli nje, wenzela iNkosi; lowo udlayo, udlela iNkosi, kuba ebulela kuThixo; nalowo ungadliyo, akadli nje, wenzela iNkosi, ube ebulela kuThixo. Kuba akukho namnye kuthi uzidlelayo ubomi, akukho namnye uzifelayo. Kuba nokuba sithi sidle ubomi, sibudlela iNkosi; nokuba sithi sife, sifela iNkosi. Ngoko ke, nokuba sithi sidle ubomi, nokuba sithi sife, singabeNkosi. Kuba uKristu wafa, wabuya wavuka, wabuya wadla ubomi, ngenxa yoku, ukuze aphathe ubukhosi kwabafileyo, kwanakwabaphilileyo. Ke wena, yini na ukuba umgwebe umzalwana wakho? Yini na ukuba umenze into engeyakonto umzalwana wakho? kuba siya kuma sonke phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndihleli nje mna, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, Zidumise uThixo zonke iilwimi. Ngoko ke elowo kuthi uya kuziphendulela kuThixo. Ngoko ke masingabi sagwebana, kodwa makungabikho bani ubeka isikhubekiso okanye umkhubekiso komnye nomnye. Ndiyazi, ndeyisekile, ndiseNkosini uYesu nje, ukuba akukho nto iyinqambi ngokwayo; kodwa ke kuye obalela into ekuthini iyinqambi, kulowo iyinqambi. Ukuba ke umzalwana wakho wenziwa buhlungu ngenxa yokusuka udle, akusahambi ngokothando. Musa ukumtshabalalisa ngokudla kwakho, yena lowo uKristu wamfelayo. Ngoko okulungileyo kwenu makunganyeliswa. Kaloku ubukumkani bukaThixo abukukudla nakusela; bubulungisa, noxolo, novuyo kuMoya oyiNgcwele. Kuba omkhonzayo uKristu kwezo zinto, ukholekile kakuhle kuye uThixo; Masiphuthume ke izinto ezisingisa eluxolweni, nezinto zokwakhana. Musani ukuwuchitha umsebenzi kaThixo ngenxa yokutya. Zonke izinto okunene zinyulu; kodwa kubi kuloo mntu udlayo esikhubekisa. Kulungile ukuba ungatyi nyama, ungaseli wayini, nokuba ungamkhubekisi umzalwana wakho, nokuba akhubeke, nokuba buthathaka. Unokholo na? Yiba nalo kuwe phambi koThixo. Unoyolo lowo ungazigwebiyo kuloo nto ayicikidayo. Ke lowo uthandabuzayo, ukuba uthe wadla, uselegwetyiwe, kuba engadli ngokwaselukholweni