IsiThyilelo IsiThyilelo 16
IsiThyilelo 16
1Ndeva izwi elikhulu liphuma etempileni, lisithi kwizithunywa zosixhenxe, Hambani niye kuziphalaza iingqayi zomsindo kaThixo phezu komhlaba. 2Sahamba ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isibetho esibi esibuhlungu ebantwini, abanophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo. 3Esesibini isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elwandle; lwaba ligazi elinjengelofileyo, yaza yonke imiphefumlo ephilileyo yafa elwandle. 4Saza esesithathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emilanjeni nasemithonjeni yamanzi; zaba ligazi. 5Ndasiva isithunywa samanzi, sisithi: “Ulilungisa wena ukhoyo, wawukho, uyingcwele, ngokuba ugwebile wenjenje. 6Ngokuba baliphalazile igazi labangcwele nelabaprofeti, wabanika igazi ukuba balisele; ngokuba befanelekile. 7Ndaza ndeva esinye siphuma esibingelelweni sisithi: “Ewe, Nkosi, Thixo Somandla, ziyinyaniso, zinobulungisa izigwebo zakho. 8Saza esesine isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso elangeni; laza lanikwa igunya lokutshisa abantu ngomlilo. 9Batsha abantu bubushushu obukhulu, balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise. 10Saza esesihlanu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso etroneni yerhamncwa; baba mnyama ubukumkani bakhe; bamana beziluma iilwimi ngenxa yeentlungu; 11bamnyelisa uThixo wamazulu ngenxa yeentlungu zabo, nangenxa yezilonda zabo; abaguquka emisebenzini yabo. 12Esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abavela empumalanga. 13Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele. 14Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla. 15Uyabona, ndiza njengesela. Unoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi ze, balibone ihlazo lakhe. 16Wabahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon. 17Saza esesixhenxe isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso esibhakabhakeni; kwaphuma izwi elikhulu etempileni yezulu, liphuma etroneni, lisithi, Kwenzekile; 18Kwabakho izandi, neendudumo, nemibane; kwabakho nonyikimo lomhlaba olukhulu, ekungazanga kubekho lunjalo unyikimo, kuseloko kwabakhoyo abantu emhlabeni. 19Umzi lowo mkhulu waba zahlulo zithathu, yathi imizi yeentlanga yawa; iBhabheli enkulu yaba sisikhumbuzo phambi koThixo, ukuba inikwe indebe yewayini yomsindo wengqumbo yakhe. 20Zasaba, zonke iziqithi zabaleka, neentaba azafunyanwa. 21Kwesuka kwehla ezulwini phezu kwabantu isichotho esikhulu, esibunzima bubunzima bumalunga netalente ngalinye; baza abantu bamnyelisa uThixo ngenxa yesibetho sesichotho eso; ngokuba sibe sikhulu kakhulu isibetho sayo.
Currently Selected:
IsiThyilelo IsiThyilelo 16: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.