1
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:15
Contemporary Xhosa Bible 2024
Uyabona, ndiza njengesela. Unoyolo lowo uphaphileyo, uzigcinayo iingubo zakhe, ukuze angahambi ze, balibone ihlazo lakhe.
Thelekisa
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:15
2
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:12
Esesithandathu isithunywa sayiphalaza ingqayi yaso emlanjeni omkhulu ongumEfrati; atsha amanzi awo, ukuze ilungiswe indlela yookumkani abavela empumalanga.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:12
3
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:14
Kuba bangoomoya beedemon, besenza imiqondiso; abaphuma baye kubo ookumkani bomhlaba, nabelimiweyo liphela, ukubahlanganisela emfazweni yaloo mini inkulu kaThixo, uSomandla.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:14
4
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:13
Ndabona kuphuma emlonyeni wenamba, nasemlonyeni werhamncwa, nasemlonyeni womprofeti wobuxoki, oomoya abathathu abangcolileyo, befana namasele.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:13
5
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:9
Batsha abantu bubushushu obukhulu, balinyelisa igama likaThixo, onalo igunya kwezo zibetho; abaguquka bamzukise.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:9
6
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:2
Sahamba ke esokuqala, sayiphalaza ingqayi yaso emhlabeni; kwabakho isibetho esibi esibuhlungu ebantwini, abanophawu lwerhamncwa, abo baqubudayo kuwo umfanekiselo walo.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:2
7
IsiThyilelo IsiThyilelo 16:16
Wabahlanganisela endaweni ekuthiwa ngesiHebhere yiArmagedon.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 16:16
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo