Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elamkelekileyo; Ndiphendule, Thixo, ngobuninzi benceba yakho, Nenyaniso yosindiso lwakho. Ndisindise eludakeni, unganditshoni; Ndihlangule kwabandithiyayo, nasemanzini anzongonzongo. Mawungandintywiliseli umlambo, Ungandiginyi nomlambo, Ungandivali umlomo wequla phezu kwam. Ndiphendule, Yehova! ngokuba ilungile inceba yakho. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho; ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undive Sondela emphefumlweni wam, uwuhlangule; ndisindise ezintshabeni zam.
Funda Iindumiso 69
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Iindumiso 69:13-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo