Ke mna ndithandaza kuwe, Yehova, ngexesha elikholekileyo: Thixo, ngobuninzi benceba yakho, Ndíphendule ngenyaniso yosindiso lwakho. Ndílangule eludakeni, ndingatshoni; Mandihlangulwe kwabandithiyayo nasemimbithini enamanzi. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi; Ingandiginyi inzulu; Iqula malingandivingceli ngomlomo walo Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho, Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho, Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule; Ngenxa yeentshaba zam ndíkhulule.
Funda IINDUMISO 69
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 69:13-18
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo