Amazwi kaSolomon. Unyana osisilumko uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisinyabi ngumthwalo kunina. Ubutyebi bokungendawo abuncedi lutho, Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni. uYehova akawuyeki ufe yindlala umphefumlo welungisa, kodwa ubutyebi babangendawo uyayigxotha. Osebenza ngesandla esityhafileyo uba lihlwempu; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa. Obutha ehlotyeni uyinkwenkwe elumkileyo; Olalayo ngexa lokuvuna ngunyana olihlazo. Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo, Ke igama labangendawo liyabola. Intliziyo elumkileyo iyayamkela imiyalelo; Ohamba ngobulungisa uhamba enyanisekile; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa. Oqhwanyazayo ubanga ububi, Ophaphazelayo uya kuwa. Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. Intiyo ivelisa iqhenqa, kodwa uthando lugubungela zonke izono. Ubulumko bufumaneka emlonyeni wesilumko; Intonga isemhlana wesinyabi. Isilumko siyalugcina ukwazi; Umlomo wesinyabi usondele kwintshabalalo.
Funda iMizekeliso 10
Share
Compare All Versions: iMizekeliso 10:1-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos