Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise; Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina. Ubuncwane bokungendawo abunyusi; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni. UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa; Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza. Úba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo; Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa. Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo; Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo. Ziintsikelelo entlokweni yelungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo; Igama labangendawo liba livithi. Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi. Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko; Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa. Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko; Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi. Lithende lobomi umlomo welungisa; Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo. Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono. Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo; Intonga yeyomhlana woswele intliziyo. Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi, Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.
Funda IMIZEKELISO 10
Share
Compare All Versions: IMIZEKELISO 10:1-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos