uMarko 7:14-37

uMarko 7:14-37 CXB24

Esibizele kuye sonke indimbane, wathi kubo, Phulaphulani kum nonke, niqonde. Akukho nto ingaphandle komntu ethi ingena kuye ibe nako ukumenza inqambi; zizinto eziphumayo kuye ezimenza inqambi umntu. Ukuba ubani uneendlebe zokuva, makeve. Baye ke, xa ebengene endlwini, evela kuyo indimbane, bembuza abafundi bakhe umzekeliso lowo. Athi kubo, Nikwanje nani na ukuswela ingqondo? Aniqondi na ukuba yonke into engaphandle ingena emntwini, ayinako ukumenza inqambi; Kaloku akungeni entliziyweni yakhe, kungekabi kusesiswini sakhe; Wayesithi ke, Into ephumayo emntwini, yiyo leyo emenza inqambi umntu; Kuba ngaphakathi, kuyo intliziyo yomntu, kuphuma izicamango ezingendawo, ookukrexeza, oomibulo, ookubulala; ubusela, ukubawa, okungendawo, inkohliso, uburheletya, iliso elibi, ukunyelisa, ukukratsha, ukuswela kuqonda; zonke ezi zinto zingendawo ziphuma ngaphakathi, zimenze inqambi umntu. Esukile apho ke, waya emideni yaseTire neyaseTsidon. Wangena endlwini, wanga akungaziwa mntu; akaba nako ukufihlakala noko. Kuba yathi yakuva ngaye intokazi entombi ibinomoya ongcolileyo, yeza yawa ezinyaweni zakhe. Ke kaloku intokazi leyo ingumGrikekazi, umSirofenike ngokuzalwa; yambongoza ukuba ayikhuphe idemon entombini yayo. Uthe ke uYesu kuyo, Khawuyeke kuhluthe abantwana kuqala; kuba akukuhle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Waphendula ke wathi kuye, Ewe, Nkosi; kuba nazo iinjana phantsi kwetafile zidla kwiimvuthuluka zabantwana. Wathi kuyo, Ngenxa yelo zwi, hamba; idemon iphumile entombini yakho. Yesuka yaya endlwini yayo, yafumana iphumile idemon, intombi ilele phezu kwesi ngqengqelo. Wabuya waphuma emideni yaseTire, waya eTsidon, weza kulwandle lwaseGalili, ecanda phakathi kwemida yaseDekapoli. Kwaziswa kuye umntu osisithulu, osisithulu; bambongoza ukuba abeke isandla sakhe phezu kwakhe. Wamthabatha ke esihlweleni, wayibeka bucala iminwe yakhe ezindlebeni zakhe, watshica, wachukumisa ulwimi lwakhe. Wakhangela ezulwini, wancwina, wathi kuyo, Efata; oko kukuthi, Vuleka. Zavuleka kwaoko iindlebe zaso, zacombuluka iingqambu zolwimi lwaso, sathetha salungisa. Wabayala ukuba mabangaxeleli bani; kodwa okukhona wabayalayo, kwaba kukhona bakuvakalisa ngakumbi. Bakhwankqiswa ngokuncamisileyo kanye, besithi, Uzenze iinto zonke kakuhle; uzenza nezithulu zive, nabangenakuthetha bathethe.