Bahlanganisana ke abaFarisi, nabathile kubachazi-mthetho, bevela eYerusalem; Babona inxenye kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi, ngezingahlanjwanga, basuka basola. Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; Kukho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, neetafile. Bambuza ke abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. Kaloku uMosis wathi: “Beka uyihlo nonyoko; nokuthi, Othuka uyise nokuba ngunina, makafe ukufa; Ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, YiKorbhan, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; uya kukhululwa; anisayi kumvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; Nilenza litshitshile ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.