Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 7:1-13

UMARKO 7:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Kwahlanganisana kuye abaFarisi, nabathile kubabhali, bevela eYerusalem; bathi, bakubona abathile kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi ngezingahlanjwanga, basuka basola. Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; zikho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, nezingqengqelo. Bandula bambuza abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. (UIsaya 29:13) Kuba nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. Kuba uMoses wathi, Beka uyihlo nonyoko; wathi kanjalo, Omthethela kakubi uyise, nokuba ngunina, makafe ukufa; ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, Ingumsondezo, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo into ongewuba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; ningabi samvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; niliphanga igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikelayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.

UMARKO 7:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)

*AbaFarasi nabachazi-mthetho abathile bahlanganisana ngakuYesu, bevela eJerusalem, baza babona abathile kubafundi bakhe besitya isonka ngezandla ezinomlaza, ezingahlanjwanga. Kaloku abaFarasi namaJuda onke abatyi bengazihlambanga izandla ngokwesiko, begcine isithethe samanyange. Naxa bevela emarikeni abatyi bengahlambanga. Zikho ke nezinye izinto ezininzi abazamkele ukuba bazigcine, ezinjengokutshizwa kweendebe, neebhekile, nezitya. AbaFarasi nabachazi-mthetho bambuza ke uYesu, besithi: “Kutheni na ukuba abafundi bakho bangenzi ngokwesithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?” Wabaphendula esithi: “UIsaya wayenyanisile ukushumayela ngani, bahanahanisindini, njengokuba kubhaliwe kwathiwa: “ ‘Aba bantu bandibeka ngomlomo, kanti yona intliziyo ikude lee kum,’ itsho iNkosi. ‘Bafumana bendihlonela, kuba bafundisa iimfundiso eziyimithetho nje yabantu.’ “Kaloku niwuyekile umyalelo kaThixo, nasuka nagcina isithethe sabantu.” Kwakhona wathi kubo: “Ningamachule ekuwutshitshiseni umyalelo kaThixo, nokuze niphakamise esenu isithethe. Andithi uMosis wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko;’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe’ ? Kanti ukuba ubani unento angámnceda ngayo uyise nokuba ngunina, aze asuke athi uzimisele ukuyenza umnikelo kuThixo loo nto, nina ngokwesithethe senu nithi akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nilenza into engento ilizwi likaThixo, nilandele isithethe senu enisifundisayo. Zikho ke nezinye izinto ezininzi ezilolu hlobo enizenzayo.”

UMARKO 7:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Bahlanganisana ke abaFarisi, nabathile kubachazi-mthetho, bevela eYerusalem; Babona inxenye kubafundi bakhe besidla isonka ngezandla eziziinqambi, oko kukuthi, ngezingahlanjwanga, basuka basola. Kuba abaFarisi namaYuda onke abadli, ukuba abakhanga bazihlambe izandla kunene, bebambe isithethe samanyange. Nokuba bavela endaweni yembutho, abadli bengakhanga bahlambe; Kukho nezinye izinto ezininzi, abazamkele ukuba bazibambe, ezinjengeentlambo zeendebe, neebhekile, nezitya zobhedu, neetafile. Bambuza ke abaFarisi nababhali, besithi, Kungani na ukuba abafundi bakho bangahambi ngokwesithethe samanyange, le nto badla isonka ngezandla ezingahlanjwanga? Waphendula ke wathi kubo, Watyapha uIsaya ukuprofeta ngani, bahanahanisi, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Aba bantu bandibeka ngomlomo, Kanti yona intliziyo yabo ikude lee kum. Bafumana ke bendihlonela, Befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu. Nithi, niwuyeka okaThixo umthetho, nibambe isithethe sabantu esinjengeentlambo zeebhekile neendebe; naye nizenza nezinye izinto ezininzi ezinjengezo. Wayesithi kubo, Natyapha kambe niwutshitshise umthetho kaThixo, ukuze nisigcine isithethe senu. Kaloku uMosis wathi: “Beka uyihlo nonyoko; nokuthi, Othuka uyise nokuba ngunina, makafe ukufa; Ke nina nithi, Ukuba umntu uthe kuyise nokuba kukunina, YiKorbhan, oko kukuthi, ingumnikelo kuThixo, into onge uba uncedwa ngayo ndim, ukholisile; uya kukhululwa; anisayi kumvumela ukuba amenzele nto, nokuba nguyise nokuba ngunina; Nilenza litshitshile ilizwi likaThixo ngesithethe senu enasinikayo, naye nizenza izinto ezininzi ezinjengezo.

UMARKO 7:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

KWAZA kwahlanganisana kuye abafarisi, nabatile bakubaba̔li, bevela e‐Yerusaleme; abati bakubona inxenye yabadisipile bake besitya izonka ngezandla ezinco̔lileyo, oko kukuti ngezingahlanjwanga, bagungqa. Ngokuba abafarisi, nawo onke ama‐Juda, bengatyi nxa bangahlambanga izandla ezifunjatiweyo, bebamba isinikelo sabadala. Kanjalo bakuvela endaweni yentengo, abatyi nxa bangahlambanga. Ziko nezinye izinto ezininzi abazamkeleyo ukuba bazibambe, intlambo zendebe, nebekile, nemipanda yexina, nezihlalo. Bandula abafarisi nababa̔li babuza kuye, besiti: Kunganina ukuba abadisipile bako bangahambi ngokwesinikelo sabadala, koko batye isonka ngezandla ezingahlanjwanga? Kodwa wapendula wati kubo: Ulungisile u‐Yisaya ukuprofitesha ngani bahanahanisi, njengokuba kuba̔liwe ngokuti: Ababantu bayandidumisa ngenteto yabo, kanti intliziyo yabo iyakwelela kude kum: kodwa bafumana bendibedesha, befundisa ngezifundiso eziziziyalelo zabantu. Ngokuba, niwuyekile nje umyalelo KATIXO, nisibamba isinikelo sabantu, intlambo zebekile nendebe; nezinye izinto ezinjengezinjalo ezininzi niyazenza. Wabesiti kubo kanjalo: Nikolisile ukuwulahla umyalelo KATIXO, ukuze nisigcine isinikelwa senu. Ngokuba u‐Mosesi etshilo ukuti: Beka uyihlo nonyoko; nokuti: Otukayo uyise, umhlaumbi unina, makafe ngokufa. Kanti nina niti: Xeshekweni atshoyo umntu kuyise, umhlaumbi kunina, ukuti: Yikorebane, (oku kukuti: Ngumnikelo,) into esukuba iyiyo ubungaba ngayo uncedwa ndim; anisamvumeli ke ukuba enzele uyise umhlaumbi unina into: nilitshitshisa nje ilizwi LIKATIXO ngesinikelo senu enisinikeleyo: nezinto ezinjengezinjalo ezininzi niyazenza.