Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 6:45-56

uMarko 6:45-56 CXB24

Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo. Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.