UMARKO 6:45-56
UMARKO 6:45-56 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo. Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile. Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.
UMARKO 6:45-56 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo. Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebása apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.
UMARKO 6:45-56 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo. Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile. Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.
UMARKO 6:45-56 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo. Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.
UMARKO 6:45-56 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza kwa oko wabanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bandulele ukuya ecaleni elingapesheya ngase‐Betesayida, nxa abandulula abantu yena. Wati akuba ebandulule, wemkela entabeni ukuya kutandaza. Kwati ke kwakuba kuhlwile, inqanawa ibipakati kwolwandle, esemhlabeni yena eyedwa. Waza wababona bezibulala ngokuqu̔ba ngemipini; ngokuba umoya ububavelela pambili. Kekaloku ngelesine ivaṙasho lobusuku weza kubo, ehamba pezu kwolwandle, wanga wafuna ukubadlula. Bati bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baba ngumshologu, bakala ke: ngokuba bonke bebembona, baxaliswa. Waselesuka wateta nabo, wati kubo: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. Waza wenyukela kubo wangena enqanaweni, wadamba ke umoya: baye bemangaliswa kakulu ke pakati kwabo pezu kwembaliso, bati nqa. Ngokuba bebengacingelanga okwezonka; intliziyo yabo ibilukuni nje. Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete, basondela elunxwemeni apo. Bati bakupuma enqanaweni, basebemazi ke, bapalapala kulo lonke elozwe langakona, baqala ukubatwalatwala pezu kwenku̔ko abo banezifo, ukuya apo bebesiva ukuba ukona. Nalapo asukuba ebengena kona, emizini, umhlaumbi ezixekweni, umhlaumbi emapandleni, babebeka abafayo ezindaweni zentengo, bambongoza ukuba makebacu̔kumise umqukumbelo wengubo yake wodwa; baza bonke ababemcu̔kumisa bapiliswa.