Uthe ke, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; Ubusuku nemini alale, avuke, ize imbewu intshule, ikhule engazi ukuba njani na. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo; kuqala ibe likhaba, kwalandela isikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; Xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Uthe ke, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kuthelekisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade, oluthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi wawo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
Funda uMarko 4
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uMarko 4:26-34
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo