UMARKO 4:26-34
UMARKO 4:26-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; Ubusuku nemini alale, avuke, ize imbewu intshule, ikhule engazi ukuba njani na. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo; kuqala ibe likhaba, kwalandela isikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; Xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Uthe ke, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kuthelekisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade, oluthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi wawo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
UMARKO 4:26-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini, aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo. Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.” Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni? Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni, kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.” UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda. Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.
UMARKO 4:26-34 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wayesithi, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; aze alale, avuke, ubusuku nemini, ibe imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo, kuqala ibe likhaba, ize ibe sisikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; athi ke, xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Wayesithi, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kubuzekelisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade; lona luthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi walo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
UMARKO 4:26-34 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakhona uYesu wathi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokuthi umntu ahlwayele imbewu entsimini, aze alale avuke imihla ngemihla, ibe yona imbewu intshula ikhula ngohlobo angalwaziyo. Kaloku umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo: kuqala iba likhaba, ize ibe yindubulo, ize ibe sisikhwebu esivuthiweyo. Xa ke ithe yavuthwa ingqolowa, ingenwa ngerhenqe kwangoko, kuba ixesha lokuvuna lifikile.” Kwakhona uYesu wathi: “Singakufanekisa nantoni na ukulawula kukaThixo? Singakuzekelisa ngamzekeliso mni? Kunjengokhozo lwembewu yemostade. Ukhozo lwemostade lulolona luncinane kuzo zonke iintlobo zembewu emhlabeni, kodwa xa luthe lwatyalwa, lukhula lube lukhulu kunazo zonke izityalo, lube namasebe amakhulu kangangokuba iintaka zibe nokwakhela iindlwane zazo kuwo zisemthunzini.” UYesu wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi elolu hlobo, ebafundisa kangangoko babenako ukuqonda. Ebethetha nabo ngemizekeliso kuphela, kodwa akuba yedwa nabafundi bakhe wayebacacisela yonke into.
UMARKO 4:26-34 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe ke, Ubukumkani bukaThixo bunjengokuba abengathi umntu aphose imbewu emhlabeni; Ubusuku nemini alale, avuke, ize imbewu intshule, ikhule engazi ukuba njani na. Kuba umhlaba uvelisa iziqhamo ngokwawo; kuqala ibe likhaba, kwalandela isikhwebu, ize ibe yingqolowa ezalisekileyo esikhwebini; Xa sithe savuthwa isiqhamo, alifake kwaoko irhengqa, ngokuba kusekusondele ukuvuna. Uthe ke, Siya kubufanekisa nantoni na ubukumkani bukaThixo? Siya kuthelekisa ngamzekeliso mni na? Bunjengokhozo lwemostade, oluthi, xa sukuba luhlwayelwa emhlabeni, lube luloluncinane kuzo zonke iimbewu ezisemhlabeni; luthi ke, xa luthe lwahlwayelwa, lukhule lube lukhulu kuyo yonke imifuno, lwenze amasebe amakhulu, ngokokude iintaka zezulu zibe nako ukuhlala phantsi komthunzi wawo. Wayelithetha kubo ilizwi ngemizekeliso emininzi enjalo, njengoko baye benako ukuva. Ubengathethi ke kubo kungengamzekeliso; ke ubesithi, bakuba bodwa, abacombululele iindawo zonke abafundi bakhe.
UMARKO 4:26-34 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti: Bunjalo ubukumkani BUKATIXO, njengokungati umntu waposa imbewu emhlabeni, waza walala wavuka ubusuku nemini, yati imbewu yantsula yakula ngendawo angayaziyo. Ngokuba umhlaba uvelisa isiqa̔mo ngokwawo; sibe sisitombo ukuqala, kwandul’ ukuba sisikwebu, iti kamva ibe yinqolowa ezalisekileyo esikwebini. Kodwa uti, xeshekweni sibonxile isiqa̔mo, asuke afake iṙenqa, ngokuba selifikile ixesha lokuvuna. Wayesiti: Sobufanisa nanto nina ubukumkani BUKATIXO? umhlaumbi sobuzekelisa ngomzekeliso omnina? Bunjengokozo lwembewu yemositade, oluti, xeshekweni luhlwayelweyo emhlabeni lube luncinane kuzo zonke imbewu ezisemhlabeni: kanti xeshekweni luhlwayelweyo luyahluma, luze lube lukulu kuyo yonke imifuno, lwenze namasebe amakulu, zide ziti intaka zezulu zibe nako ukuba zingahlala ngapantsi kwomtunzi walo. Wabeteta ilizwi kubo nangemizekeliso enjalo emininzi, njengokuba bebenako ukuliva. Wabengateti ke kubo kungeko umzekeliso: kodwa wabetyila zonke izinto kubadisipile bake ngasese.