Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usendlini. Kwathi kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi. Kwafika abantu kuye bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona, baza bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. Akulubona uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. Kwaye kukho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? Okukhona kulula phi na, ukuthi konedumbe, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke; Bada bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje. Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele; Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.