UMARKO 2:1-17
UMARKO 2:1-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usekhaya, Kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi. Kuthi kufike kuye abantu bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika entungo apho abekhona; bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. Akulubona ke uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. Kwaye ke kukho apho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, mnye kwaphela, nguThixo? Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? Okhona kulula kukuphi na: kukho ukuthi konedumbe, Ùzixolelwe izono; kukho nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (uthi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke, ngokokude bathi nqa bonke, bamzukise uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje. Wabuya waphuma waya ngaselwandle, saye sonke isihlwele sisiza kuye; wayebafundisa. Wathi edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu; athi kuye, Ndilandele. Wesuka wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe. Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Ekuvile ke oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo lifuneka kwabafayo. Andizé kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni, ukuba baguquke.
UMARKO 2:1-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwakuba ntsuku, uYesu wabuyela eKapernahum; kwavakala ukuba usekhayeni lakhe. Ke kwahlanganisana into eninzi yabantu, kwada akwabikho ndawo nangasemnyango. Kwathi ke xa uYesu wayesashumayela, kwafika abantu, bezise kuye umntu ofe umzimba, ethwelwe ngabané. Bakuba bengenakusondela kuYesu ngenxa yokuxinana kwendimbane, baqhaqhe uphahla ngakuloo ndawo wayekuyo. Begqobhozile ke, bamhlisa ngokhuko lowo ufe umzimba. UYesu akulubona ukholo lwabo, wathi kofe umzimba: “Nyana, izono zakho zixolelwe.” Abachazi-mthetho abathile, ababekhona, bathi ezintliziyweni zabo: “Yini na ukuba lo athethe ngolu hlobo? Uyanyelisa! Ngubani onako ukuxolela izono ingenguye uThixo kuphela?” Kwangoko uYesu wazazi iingcamango zabo, wathi kubo: “Yini na ukuba nibe nezi ngcamango ezintliziyweni zenu? Okukona kulula kukuphi na? Kukho ukuthi kofe umzimba: ‘Izono zakho zixolelwe,’ kukho nokuthi: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho uhambe’? Ke ukuze nazi ukuba *uNyana woLuntu unalo igunya lokuxolela izono emhlabeni apha – úthi kofe umzimba – ndithi kuwe: ‘Vuka, uthathe ukhuko lwakho, uhambe ugoduke.’ ” Wavuka kwangoko ke, wathatha ukhuko, wemka. Bamangaliswa bonke, bemdumisa uThixo, besithi: “Asizange siyibone into enje!” UYesu wabuya waphuma waya ngaselwandle. Kwaza ke kwahlanganisana isihlwele ngakuye, wasifundisa. Wathi edlula wabona uLevi, unyana ka-Alifeyu, ehleli eofisini yerhafu; wathi kuye: “Ndilandele.” Waphakama ke, wamlandela. Kwathi, xa wayesitya kwaLevi, kwakho nento eninzi yabaqokeleli-rhafu *naboni, isitya ndawonye noYesu nabafundi bakhe, kuba babebaninzi, bemlandela. Ke abachazi-mthetho beqela *labaFarasi, bakumbona esitya kunye nabaqokeleli-rhafu naboni, bathi kubafundi bakhe: “Yini na ukuba atye kunye nabaqokeleli-rhafu naboni?” Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo. Andizanga kubiza malungisa, ndizé kubiza aboni.”
UMARKO 2:1-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwakuba ntsuku, wabuya wangena eKapernahum; kwavakala ukuba usendlini. Kwathi kwaoko kwahlanganisana into eninzi yabantu, ngokokude kungabi sabakho kukhwelelana, nakule mimandla isemnyango; wayelithetha ke kubo ilizwi. Kwafika abantu kuye bezisa onedumbe, ethwelwe ngabané. Bakuba bengenakusondela kuye ngenxa yendimbane, banqika uphahla apho abekhona, baza bakuba begqobhozile, baluhlisa ukhuko abelele kulo lowo unedumbe. Akulubona uYesu ukholo lwabo, wathi konedumbe, Mntwana wam, uzixolelwe izono zakho. Kwaye kukho ababhali abathile behleli, becamanga ezintliziyweni zabo, besithi, Yini na ukuba lo enjenje ukuthetha izinyeliso? Ngubani na onako ukuxolela izono, ingenguye uThixo yedwa? Eqiqe kwaoko uYesu ngomoya wakhe, ukuba benjenjalo ukucamanga ngaphakathi kwabo, wathi kubo, Yini na ukuba nicamange ezi zinto ezintliziyweni zenu? Okukhona kulula phi na, ukuthi konedumbe, Zixolelwe izono zakho; nokuthi, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uhambe? Ke ukuze nazi ukuba unalo igunya uNyana woMntu lokuxolela izono emhlabeni apha (selesithi konedumbe), Ndithi kuwe, Vuka, uthabathe ukhuko lwakho, uye endlwini yakho. Wavuka kwaoko, waluthabatha ukhuko, waphuma phambi kwabo bonke; Bada bathi nqa bonke, bamzukisa uThixo, besithi, Asizanga sikubone okunje. Wabuya waphuma waya ngaselwandle; zaye zisiza kuye zonke izihlwele; Uthe ke edlula, wabona uLevi, lo ka-Alifeyu, ehleli endaweni yerhafu, wathi kuye, Ndilandele. Wesuka ke wamlandela. Kwathi ekuhlaleni kwakhe ngasesithebeni endlwini yakhe, kwahlala nento eninzi yababuthi berhafu naboni ndawonye noYesu nabafundi bakhe; kuba babebaninzi, baye ke bemlandela. Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu naboni, besithi kubafundi bakhe, Yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Evile ke uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphili leyo lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni ukuba baguquke.
UMARKO 2:1-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WATI kekaloku, nxa sekuntsuku, wabuya wangena e‐Kapenayume; kwaye kuvakala ke ukuba usendlwini. Kwaza kwasekuhlanganisana abaninzi, zada azabi senakubamkela nendawo zangaselucangweni: wayeliteta kubo ilizwi ke. Kekaloku beza kuye bezisa umntu onesifo sokushwabanisa, etwelwe sisine samadoda. Baza bati, bekohliwe kusondela kuye ngenxa yesihlwele, banqika isifulelo apo ebekona, bati bakuba bebegqobozile, bahlisa uku̔ko wabelele kulo onesifo sokushwabanisa. Wabona ke u‐Yesu ukolo lwabo, wati konesifo sokushwabanisa: Nyanandini! uxolelwe izono zako. Kwaye kuko ababa̔li abatile behleli kona, becamanga ezintliziyweni zabo, ngokuti: Yinina ukuba lo enje njalo ukuziteta ingxeko? ngubanina ongazixolelayo izono, kupela mnye e NGUTIXO? Waselenakana u‐Yesu emoyeni wake, ukuba bacamanga njalo pakati kwabo, wati kubo: Nizicamangela nina ezizinto ezintliziyweni zenu? okona kulula kukupina; ukuti konesifo sokushwabanisa: Uxolelwe izono zako; ukuti: Suka, upate uku̔ko lwako, uhambe; kusinina? kodwa ukuze nazi ukuba unyana wesintu onegunya emhlabeni ukuxolela izono, (wati konesifo sokushwabanisa:) nditi kuwe: Suka, upate uku̔ko lwako, uye endlwini yako. Waselesuka ke, walupata uku̔ko, wapuma ebusweni babo bonke; bada bamangaliswa bonke, bamdumisa UTIXO, besiti: Asizanga sibone okunje. WAZA wapuma wabuya waya ngaselwandle; sati sonke isihlwele seza kuye, wabafundisa ke. Waza edlula nje wabona u‐Levi, unyana ka‐Alefeyu, ehleli endaweni yokwamkela iminikelo, wati kuye: Ndilandele. Wesuka ke, wamlandela. Kwaza kwati, akuhlala pantsi endlwini yake, kwahlala nento eninzi yababuti beminikelo naboni ekutyeni ndawonye no‐Yesu nabadisipile bake: ngokuba bebebaninzi, bamlandela ke. Baza ababa̔li nabafarisi, bakumbona esitya kunye nababuti beminikelo naboni, bati kubadisipile bake: Yinina ukuba atye asele kunye nababuti beminikelo naboni? Waza u‐Yesu evile nje wati kubo: Abomeleleyo abasweli gqir̔a; ngabafayo abalisweleyo. Andeza ukubiza abalungileyo, koko ndize ukubiza aboni baguquke.