Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMarko 16:9-14

uMarko 16:9-14 CXB24

Uthe ke uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe. Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila. Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa. Emva koko wabonakala ngolunye uhlobo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni. Nabo baya babikela abanye; Emva koko wabonakala kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo, ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.