Uthe ke uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe. Waya yena wabikela ababenaye, bakubon’ ukuba bakhedamile, bayalila. Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa. Emva koko wabonakala ngolunye uhlobo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni. Nabo baya babikela abanye; Emva koko wabonakala kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo, ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
Funda uMarko 16
Share
Compare All Versions: uMarko 16:9-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos