Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe. Waya yena wabikela ababenaye, bakubon' ukuba bakhedamile, bayalila. Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, àbakholwa. Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni. Nabo baya babikela abanye; àbakholwa nangabo. Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
Funda UMARKO 16
Share
Compare All Versions: UMARKO 16:9-14
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos