Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizishumayele iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo. Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwayo, uya kugwetywa. Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholwayo; Egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayisayi kukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile. Ithe ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo. Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngemiqondiso. Amen.
Funda uMarko 16
Share
Compare All Versions: uMarko 16:15-20
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos