Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 16:15-20

UMARKO 16:15-20 XHO96

Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo. Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa. Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha; baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”] [ Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo. Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]