Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise. Kwathi, kwakusa, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, ukuphuma kwelanga. Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba? Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu. Bakuba bengenile engcwabeni, babona umfana ehleli ngasekunene, ambethe ingubo ende emhlophe; basuka boyika. Athi kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni; Akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni. Baphuma kamsinya, babaleka engcwabeni; Baye ke bengcangcazela bakhwankqiswa; abathetha nto nakubani; kuba bebesoyika.
Funda uMarko 16
Share
Compare All Versions: uMarko 16:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos