UMARKO 16:1-8
UMARKO 16:1-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Yakubon' ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise. Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga. Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba? Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu. Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini. Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni. Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; àbathetha nto nakubani, kuba babesoyika.

UMARKO 16:1-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu. Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni. Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?” Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni. Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa. Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo. Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.” Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika.
UMARKO 16:1-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yakubon’ ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise. Kwathi, kwakusa, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, ukuphuma kwelanga. Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba? Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye; kuba belilikhulu kakhulu. Bakuba bengenile engcwabeni, babona umfana ehleli ngasekunene, ambethe ingubo ende emhlophe; basuka boyika. Athi kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni; Akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo. Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni. Baphuma kamsinya, babaleka engcwabeni; Baye ke bengcangcazela bakhwankqiswa; abathetha nto nakubani; kuba bebesoyika.
UMARKO 16:1-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
KWATI kwakuba kudlulile isabata, u‐Mariya wase‐Magadala, no‐Mariya unina ka‐Yakobi, no‐Salome, batenga izimnandi, ukuze beze bamtambise. Bati kwa kusasa nje ngolwokuqala usuku lweveki, beza encw̔abeni lakupuma ilanga. Baye besiti omnye kwomnye: Ngubanina oya kusiqengqela ilitye kuwo umnyango wencw̔aba? (kekaloku bakubeka pezulu, babona ukuba ilitye liqengqiwe:) ngokuba libe likulu kakulu. Baza bangena encw̔abeni, babona indodana ihleli pantsi kwelokunene icala, yambete ingubo ende emhlope; babetwa livuso ke. Kodwa yati kubo: Musani ukuba nevuso; niyamfuna u‐Yesu um‐Nazarete obekuruseshiwe; uvukile, akako apa; kangelani indawo apo bambekela kona. Ize nihambe ke, nixelele abadisipile bake, no‐Petrosi, ukuba uyanandulela ukuya e‐Galili; kwa lapo niya kumbona, njengokuba etshilo kuni. Baza bapuma ngokukauleza, babaleka encw̔abeni; bebebanjwa kukungcangcazela nakukumangaliswa ke; abaxelela mntu into kanjalo; ngokuba bebesoyika.